UKolisi uvuyela ukubuyela kwiStormers

USiya Kolisi ongumdlali weStormers umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Ukapteni weStormers, uSiya Kolisi, uvuyela ukubuyela embhoxweni emva kwethuba elide engasawudlali.

Ekuzeni kuphela kuka2019, uKolisi ukhokele AmaBhokobhoko abuye nodumo eJapan apho aphakamise khona iNdebe yeHlabathi.

Lo nto yamxakekisa kakhulu uKolisi noogxa bakhe ngoba kwanyanzeleka ukuba bajikeleze ilizwe bebonisa abantu indebe.

Kuninzi kakhulu akwenzileyo kwaye zininzi neendawo azihambileyo uKolisi ngethuba kuvalwe isizini. Ukusukela ngempelaveki, amaqela adlala kwiSuper Rugby aza kubuyela enkomeni okokuqala emva kweenyanga eziliqela zekhefu.

Ethetha namajelo eendaba, uSiya Kolisi uthe ufuna ukuqinisekisa okokuba isizini yeqela lakhe ayilibaleki.

“Kumnandi ukubuyela ebaleni kwakhona. Ndiye ndaxakeka kakhulu emva kwetumente yehlabathi. Andifuni ukuxoka, kumnandi ukubuyela ebaleni kwakhona emva kokudibana nabantu ababalulekileyo kwihlabathi,” utshilo uKolisi.

“Ndizonwabele kakhulu iintsuku zeholide. Eyona nto eyenze kwamnandi ngakumbi kukudibana nabantu kodwa kwiqela lethu into entle kukuba abadlali abaninzi basahleli. Yinto leyo eza kusinceda kakhulu siliqela. Iyancomeka into eyenziwe nguDobbo ngoba ukwazile ukugcina abadlali. Andiqondi kodwa ukuba abadlali bebefuna ukuhamba. Lo nto ibonisa indlela abasithanda ngayo iStormers,” utshilo uKolisi.

Ngaphandle kwamathandabuzo, unyaka ophelileyo soze ulityalwe nguKolisi ngoba ubumphathele izinto ezintle kakhulu futhi wazuza namawonga amaninzi.

Nangona kunjalo, uthi ufuna ukwenza lo unyaka ubemhle ngaphezulu kuneminye. Ndonwabile ngoba unyaka usemtsha.

Unyaka uza nemvakalelo eyahlukileyo kuthi nakubalandeli ngoba lo ngunyaka wokugqibela sidlalela eNewlands Stadium. Ngeke ibelula lo nto – kodwa siza kunyamezela. Xa sijonga iqela labadlali abakhoyo, ndingatsho ndithi ithemba likhona,” utshilo uKolisi.

Le ndoda yaseBhayi ithi inethemba lokuba abantu bakuthi bayixhase kakhulu imidlalo yombhoxo.

UKolisi uza kudlala okokuqala kulo nyaka xa iStormers sixikixana neSharks emdlalweni weSuperHero oza kube useFNB Stadium ngeCawe. Kanti ngoLwesihlanu, iStormers siza kudlala neKings emdlalweni wokucweya eKnysna.