Uzombele ingcwaba ngokupha umntu amanzi!

Usapho lakwaHlanganyana eLower Tyholo eMqanduli luthi okona lulwenza lungaxoli kwaye zibe lihlwili iintliziyo zalo yile yokutshayinta elalini nomrhanelwa ebekufanele sele engapha kwezimnyama izisele.

UNofikile Hlanganyana nongumama kaSinazo, 32, obethwe umzimba waluhlaza wonke, amehlo abomvu krwe ligazi, ebethwa yindoda ancuma nayo nekwangutata wonyana wakhe oneminyaka emine, uthi noko ayibaxolisanga eyokuba abe akakabanjwa umrhanelwa.

“Lo mfana sehla sisonyuka naye apha elalini sikhwela naye iguruguru xa sibheka edolophini! Akumnandanga ukujongana nomntu okwenze into ebuhlungu! Umnqa kukuba amapolisa athi asamkhangela kodwa nanku simbona. Asiyazi ukuba akhangela uhlobo olunjani kwaye amandla ke andinawo kuba sisezilalini asiyazi ukuba uye ulwe njani. Ukuba imali bendinayo ngendiwabhatala amapolisa ukuze akhawulezise ukubamba lo mfana,” utshilo uNofikile.

Uthi kuba unobangela wokuba angade abanjwe akawazi.

Konke oku kulandela emva kokuba ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga ephelileyo, uSinazo wathi wapha amanzi okusela utata osebenza endleleni kule lali yabo njengoko kusakhiwa indlela. Ingxelo ithi utata womntwana nongumrhanelwa wabona uSinazo eme kule moto kanti kungeli xesha ase amanzi. Kulapho umrhanelwa waye wakhweleta ecinga uSinazo uyamdyolela.

Ngorhatya umfana wachwechwela uSinazo kowabo wamrhuqela endleleni apho wamnkulela khona ngobhushi nangekhonkco lebhanti embuza ngale ndoda inemoto.

UNofikile uthi uyiqaphele kusasa intombi yakhe ukuba yonakele umzimba ingasakwazi nokushukuma ebhedini. Uthi xa emphakamisa uluhlaza umzimba wonke, amehlo abomvu. “Ndothukile ndisabuza kwenzekeni, wasuke wagabha amahlwili egazi, wabe esiwa ephelelwa ngamandla, ndabe sele ndizama into yokuleqisa kwisibhedlele saseMadwaleni apho aye wafumana khona ubungcono.”

UNofikile uthi uthe kuSinazo makabalisele utata wakhe ngokwenzekileyo kodwa utata wakhe usuke waphendula ngelithi “Hayi khange ndikuthume” ngelo xesha umntwana usengxakini.

USinazo ubethwe wabhululwa into engapha kweeyure ezintlanu de wathi umrhanelwa ndikufuna ukushiya ufile.

Umnxulumanisi weReach Out Foundation nesebenza uSinazo, uThandekile Xashimba, usikhalimele esi sehlo esithi okumxhalabisayo kukuba angaphela ekhubazekile uSinazo ngenxa yohlobo athe wonzakala ngalo ngethuba ebethwa yile ndoda. “ Sitsalele iWhite Door Centre ejongene nokulwela amaxhoba oxhatshazo aseMqanduli sinethemba lokuba iza kushukuma abanjwe umrhanelwa kodwa khange kubenjalo. Endaweni yoko sincedwe ngooNontlalo baseMadwaleni esibhedlele. Imbi kwaye noko asixoli kukuba engekabanjwa umrhanelwa ngamapolisa ingakumbi esaziwa futhi ekhona elalini,” uvale ngelo uXashimba. USinazo uye walufumana uloluleko ngokwasemphefumlweni kooNontlalo besibhedlele saseMadwaleni, uchacha ngcono kokwabo.

Isithethi samapolisa uKapteni Dineo Koena ebesacele inombolo yetyala likaSinazo azokwazi ukuphefumla malunga noku.