Amagqiyazana aqhokra igalufa

Amagqiyazana adlala igalufa

Igalufa yaziwa njengomdlalo wamadoda azizinhanha nto leyo yenza isininzi sabantu singakwazi ukuthatha inxaxheba kuwo.

Kodwa amagqiyazana amathathu aseMdantsane, uZethu Myeki, uYolanda noSiviwe Duma bazama ukujika loo ngcamango ngokuthi babekwiqaqobana labadlala lo mdlalo kudidi labahlawulwayo.

Ezi nzwakazi zakhuthuzwa zifundiswa igalufa ngumbutho olawula lo mdlalo apha eMzantsi Afrika. Kuqale iintombi zakwaDuma ezathi zingafumani nkxaso zaba ngabokuqala abasetyhini ukudlala igalufa kudidi labahlawulwayo.

Kuthe ekuzeni kuphela konyaka ka2019 kwalandela uZethu naye waba ngomnye wabadlali abakolu didi.

Ezi ntombi zidinga inkxaso yezimali ukuze zikwazi ukudlala kwiSunshine Tour.

Okwangoku isibini sakwaDuma besincedwa ngezimali ngugqirha othile waseMdantsane kwaye bangavuya xa kunokubakho abanye oosomashishini abanokuphosa ilitye esivivaneni.

“Lo gqirha kudala esinceda, esixhasa kulo mdlalo kodwa ngelishwa kulo nyaka uyabetheka nto leyo ethi masicele uncedo nakubanye abantu,” utsho uSiviwe.

UZethu naye uthi udinga inkxaso ukuze akwazi ukuthatha inxaxheba kwiSunshine Tour. Nangona imeko yabo yezemali ixhalisa nje, bona bathe gqolo ukulungiselela imidlalo ezayo ngokuziqeqesha mihla le kwibala legalufa iEast London Golf Club.

Ikhwelo lityala mzi wasekhaya, ncedani nazi iinzwakazi!