Umsasazi weRadio Bantu owaqamba ingoma

Kukhulu kakhulu ukulambatha kolwazi ngamadoda neentokazi ezishiye umzila omhle ongasayi kuze ucimeke kwimbali yabantu boMzantsi Afrika, ingakumbi imbali yomzi oNtsundu.

UMnu. Henry Duke Lunga Jorha ngomnye wamadoda asemaMpehleni athe azenzela ibala elihle ngokuthi aphuhlise ilizwe loMzantsi Afrika. Le ndedeba yazalelwa eMonti ngomhla wesi4 Agasti 1910.

Wayezalwa nguMfundisi John Jonathan Jorha wehlelo iCongregational Church. UHenry Duke Lunga Jorha wazenzela igama ngokuqamba iingoma zeekwayala nokuba ngumbhexeshi ophume izandla.

Le nto yokuvuma ingoma wayesuka nayo emva ekhaya kuba uyise wayekwayimvumi edlala isixhobo somculo ipiyano. Ngowe1938 wabhala iculo elithi, ‘Iintaka zaseLukhuko’.

UDuke Jorha ngomnyaka we1960 wacelwa yicawe yaseSt Philip Mission eRhini ukuba ayibhalele iculo waze wabhala ingoma ethi: ‘Vuyani nonke namhla, Nibulele kuMdali, Nyusani amadini nibulele uMsindisi.’

UMnu. Duke Jorha waqeshwa liziko lesiXhosa iSABC kwicandelo lesiXhosa eRhini. Wathi elapho waqamba iculo awayeqala ngalo inkqubo yakhe elithi, ‘Zakhal’ iintsimbi, Khelekenkce’.

Imbongi uThandiwe Gladys Maseti kwisibongo sakhe esithi, ‘Mhlobo Wenene,’ esifumaneka kwincwadi ethi, ‘Isivivane Vol II,’ ubalisa enjenje ngoMnu. Duke Jorha nendima yeculo lakhe kwiziko losasazo lesiXhosa iRadio Bantu: “Usivusa silele ngentsimbi yesihlanu, Ngengom’Ukhelekenkce, Kukhony’umqhagi kuru-ku-ku-ku! Bavuka’abantwana besikolo buphuthuphuthu.”

UHenry Duke Lunga Jorha wacatshulwa liphephandaba ‘Intsimbi’ yenyanga kaTshazimpuzi ngowe1970 kwinqaku elalisithi, “Umbuliso kubasasazi eQonce,” elalibhalwe nguNtothololwana mhla kwakubuliswa uMnu Theo Mcinga noMnu. Lunga Maholwana ababewushiya umzi wosasazo iRadio Bantu.

Wathetha wenjenje: “Esenza amazwi uMnu Jorha ongomnye wabasasazi kwiRadio Bantu uthe, “OkaMcinga akazange afike emva kwexesha elifanelekileyo emsebenzini.”

Uvakalise okokuba, “U ‘Mtshana wazo’ lo waqala ukusebenza kulo mzi ngowe1952 eRhawutini. Ngowe1955 wathunyelwa eRhini esiya kuba ngumsasazi weendaba ngolwimi lwesiXhosa.

Lo kaMcinga wangena kwiziko laseRhini ezihlangwini zikaMnu. Pama,” uqhube watsho uMnu. Jorha. UMnu. Duke Jorha wabhubhela eQonce ngomhla we18 Meyi 1970 ngengozi yokonzakaliswa. Isingcwabo sikaDuke Jorha saqhutyelwa kowabo eRhini (Makhanda).

Iphephandaba lesiXhosa, laseQonce ‘Imvo zabaNtsundu’, lowe1970 labalisa lathi ngesingcwabo sikaDuke Jorha umsasazi weSABC kwiCandelo lesiXhosa elaliseQonce: “Rhini (Tantjie): Inyambalala yezifundiswa, amakholwa aphambili kwimvaba ngeemvaba, nenyambalala yabadlali bebhola ihlangene kwithafa elisemva komzi wakwaJorha.

Le mini eya kulibaleka kudala ezingqondweni zabantu baseRhini bekunikwa imbeko yokugqibela kumnumazana umfi uHenry Duke Lunga Jorha umqambi wodumo. Kwintetho yakhe ebiphakamile omele abaqambi abaNtsundu uMnu. B. T. Tyamzashe, uxelele loo nyambalala ukuba uMnu. Jorha ebengomnye wabaqambi abathe bazibalula kakhulu ngobuciko nokuqamba iingoma.

Umbalule kakhulu ngeengoma zeekwayala, ezamaqelana engoma nokukhapha isolo ngepiyano. Kambe ke uthi wamangalisa kakhulu ngexesha lokuthamba, apho ebesithi amakhwenkwe akhe esikolo awenzele iingonyana ezimnandi zokuthamba, zisuke ziyifanele loo nto.

UMnu. W.N. Nkuhlu isithethi ebesimele iziko leRadio Bantu, naye utsho ngentetho echukumisayo. Kweyakhe intetho uthe uMnu. Jorha ukubonisiwe ukufa. Ukuqamba ingoma ethi, ‘Ndisindise’ kuyabachukumisa abantu.

Kanti ke nasemsebenzini uthi ukufuduswa kwabo eRhini yena akazange afune kuba nandlu eQonce, kuba ezazi ukuba uhambele yaye unekhaya. Okwesithathu uthi ekupheleni konyaka uthe wamana ukuwabiza ngamanye amaqabane akhe, esithi ixesha lakhe lomhlalaphansti lifikile.”

UMnu. Henry Duke Lunga Jorha isiduko sakhe nguMpehle. Abantu balo mlibo bathuthwa ngolu hlobo: Mpehle, Vengwa, Dikana, Cabashe, Nohushe, Nkomebomvu, Khahla, Ntose, Mpondomise, Phahlumphankomo, Manz’eThina anobulawu bokuhlamb’iinkosi zamaMpondomise, owele kulo akabi saliwel’iTsitsa engadlulanga komkhulu!

AmaMpehle ngamaMpondomise ngokobuzwe nemvelaphi, mandulo phambili phaya kuthiwa ayemi eDedesi. IDedesi eli abanye ababalisi bathi yayilichibi elikhulu, kanti abanye bathi yayingumlambo omkhulu kakhulu.

Zonke izizwe zikaNtu zazinebhongo ngale Dedesi kuba zazisithi ziphuma kuyo. Kuthiwa iinkosi zamaMpondomise zonke ezazilawula phambi kokuba kulawule uMalangana zazimi nesizwe sonke samaMpondomise eDedesi, apho abantu babezeka abafazi bendise iintombi zabo; baphume ingqina baye kuzingela; bakhwele amaqegu; balime amazimba; baye kubutha ezinkundleni komkhulu; bakhe izindlu benze nezinye izinto zokubachithisa isithukuthezi okanye baphume iimpi besiya kulwa nezinye izizwe kuba kwakusaliwa ngoko.

AmaMpondomise athi xa esemigidini yezici onwabile alibonge eli lizwe laseDedesi athi: KwaNkunzana kaGuntu, KwaMnqay’ulambile, Tri-tri-tri! Yatsh’ingw’ emdaka, Vuka sesifile, Watsh’umnt’ ebengakhang’ athunywe nento, KwaTshingiliyatsha, kwelaseMbo, Phi, hawu, hawu!

Ababalisi bathi, uMpondomise noMpondo yayingamawele imvelaphi yabo isuswa mandulo kuGubela ozala uKhuboni; uKhuboni ozala uNcwebelezana; uNcwebelezana ozala uDlozela; uDlozela ozala uSibiside; uSibiside ozala oonyana abathathu abangaba: uMavovo unyana wokuqala, wazala uNjanya unyana wesibini, wazala uNomafu unyana wesithathu.

UNjanya wazala amawele uMpondomise noMpondo, walekelisa ngoXesibe imfusi, uXesibe walekelwa nguNyambose. UNomafu ungunozala wesizwe samaNgwane nesamaBomvana; uMavovo uzala uNyambose ozala isizwe semiThethwa.

UMpondomise uzala uSikhomo; uSikhomo uzala uMalangana, uMalangana uzala uNtose; uNtose uzala uNgcwini; uNgcwini uzala uCirha; uCirha uzala uMthe; uMthe uzala uQengeba.

Umqambi wamaculo esiXhosa uArnold Archibald Mxolisi Matyila waqamba iculo leekwayala elithi, ‘Lala Mpehle,’ elalihlonipha uHenry Duke Lunga Mpehle ngomsebenzi wakhe esizweni esiNtsundu.