Izicwangciso zomfundi obuleweyo!

UYonela Boli ekunye nomama wakhe uNomvuselelo mhla wayethweswa isidanga

Bahlanu kubazali bakhe kodwa yena engowesithathu, kwaye ngoyena nekhaya ebelijonge kuye nebeselinethemba lokuba imeko yekhaya lakhe engentlanga iya kuthi iphuculwe nguye. Lowo nguYonela Boli, 24, waseLower Seplane eCala.

UBoli uhlatywe wabulawa kwigumbi lakhe ebehlala kulo kwiyunivesithi yaseFort Hare ngempelaveki, ehlatywa yintokazi ekwangumfundi ekuvakala ukuba ebencuma nayo.

I’solezwe lesiXhosa lincokole nosapho lukaBoli, nalapho luvakalise ukuba lohluthwe intsika yalo kuba ngoyena mntwana bese kujongwe kuye.

UYonela ebesele eshiyeke nomzali omnye ongumama wabo uNomvuselelo Boli nanjengoko utata wabo wabhubha beselula.

UGladys Kheswa nongumakazi omkhulu kaYonela uthi wonakele kakhulu uNomvuselelo nanjengoko engakwazi nokuthetha yinto eyenzeke kunyana wakhe.

“Kusasa nje ubale izinto unyana wakhe ebesoloko ezibala xa sele ephangela nento endibona ukuba zezona zinto zimchukumisayo. Uthi ebesithi kumvuzo wakhe wokuqala kukuvusa umzi wakowabo njengoko utata wabashiya besebancinci, kwenzele nowakokwabo umzi uvuke ufane neminye,” utshilo UKheswa.

Eminye yeminqweno ebehlala eyitsho uYonela kukuba ingase ootatomkhulu bakhe nomama wakhe bangabhubhi engekayithengi imoto, kwenzele azokuthi abakhwelise abase kwiindawo abanqwenela ukuya kuzo njengoko iyindawo ekusokoleka kuyo iimoto ilali yabo.

Izihlobo zexhoba zibhale kuFacebook zicela amalizo kuye nabani na onokuthi ancedise kumalungiselelo okungcwaba uYonela nanjengoko ezitsalela nzima umzalikazi wakhe.

Umama wakhe uNomvuselelo akanamsebenzi osisigxina, koko umane ebamba kwimisebenzi yethutyana, njengangoku uvingca imingxunya ezindleleni.

Usapho luthi uYonela ebengumntwana othambe kakhulu ngenxa yobubele.

“Ebethi xa kuvaliwe ebuya esikolweni aqale kootatomkhulu, ayizule yonke imizi yakokwabo ebulisa kwaye naxa eza kuphindela esikolweni ebesenza njalo.”

Usapho luthi luseza kuhlala phantsi malunga nomngcwabo njengoko luseza kuthi lucwangcise.

Onqwenela ukufaka isandla, nazi iinkcukacha zebhanki:

Capitec 1263664057 Noandile Boli.