UNgqalo ufuna ukubangula italente eMpuma Koloni

IMpuma Koloni isabonakala ilelona phondo elivelisa inani eliphantsi labadlali abadlalela amaqela akwiAbsa Premier Soccer League xa ithelekiswa namanye amaphondo eMzantsi Afrika.

Ubukho beChippa United abuncedi ngokuba ayinabo abadlali bala maqela ebadlalisayo. Akukho nelinye iqela laseMpuma Koloni kwiGladAfrica Championship kwaye ayasokola nakwiABC Motsepe League. Ingxaki iphi xa kunjalo?

USicelo Ngqalo, owaziwa ngokukhangela italente, uthi ingxaki yeli phondo kukunqaba kwamaziko aphuhlisa abadlali abatsha kwibhola ekhatywayo ngokufanayo nezinye iindawo.

Ngoku le ndedeba yakuDumalisile, kuGatyane, ithi inesicwangciso sokuvula amaziko aza kuphuhlisa kuwo abadlali bebhola ekhatywayo abatsha kwaye sele isifakile nesicelo embuthweni olawula ibhola, iSafa.

“Sele ndilibhalisile iziko lam (Soccer Academy); ngoku ndilindele iimpephamvume kwiSAFA ukuze ndikwazi ukusebenza,” utshilo uNgqalo kweli phephandaba.

Uthi ufuna ukwenza iitumente kooMasipala abafana noMbhashe, iNtabankulu nakwezinye iindawo apho anokuthi akwazi ukuchonga abadlali abaselula kuzo.

Ezona njongo zakhe ziphambili uNgqalo kukunceda abadlali abakwiindawo ezisezilalini ukuze nabo bafumane amathuba wokukhula ebholeni.

Iziko lakhe ufuna libe negalelo ekuveliseni abadlali abaza kunceda amaqela akwiMotsepe League apha eMpuma Koloni ukuze angasokoliswa kukuya kwiGladAfrica Champioship.

Ukwathi baninzi abadlali baseMpuma Koloni abanesiphiwo sokudlala ibhola abaseGauteng kodwa abawanikwa amathuba afanayo nabaphaya.

Amaxesha amaninzi, uNgqalo uthi badlaliswa ngamaqela wabo xa ezibona ukuba asengxakini. Kule Academy ayisungulayo, uthi ufuna ukunceda abadlali ukuze kubelula kubo ukudlalela namaqela akwiPSL ngoba bakhona abantu akwazileyo ukuzakhela ubuhlobo nabo kwibhola ekhatywayo eminyakeni engaphaya kwesihlanu esebenza njengomchongi wetalente.