Livakalis’ izwi lakho

Inye kuphela into eyingxaki ngelizwe lobulolo, ziingcinga eziye zibuthane zizekuthi finini kuwe.

 Azinayo ke nembeko yokufuna ukwamkelwa ngulowo zifike kuye, zityhudisa zityhubela de uzibhaqe ngokusuka kuvele iinyembezi ukuba zikho kungenjalo uncumo. Mhlawumbi zidale unxunguphalo nosizi okanye uvuyo nolonwabo. Asilizwe linqwenelelwa mntwana wamntu ke ilizwe lobulolo kuba akwaziwa elinokukuvelisa.

Iindwendwe zalo, iizingcinga, zingasiphathela udushe namayelenqe aphunyezwe kwezo ntlanganiso zesiqu salowo ukwelo lizwe. Ukanti kwaezi ndwendwe zingasizisela isisombululo kwintsindabadala ebeyinkankulu ukuyicombulula. Yho, ndolula ukuthetha! Mawethu, ndiza nencwadi ethi, UPhumeza. 

Le yincwadi eluhlobo lwenoveli neyaveliswa lusiba lukaA.M. Dikana phaya ngomnyaka ka1975. Ukanti yapapashwa ngabalwaLovedale Press.
Apha umbhali ubalisa ngobomi bokubalilolo usenziwa yindalo. 

UPhumeza wabhujelwa ngabazali bakhe bobabini ze wayinkedama. Uzifumana engakwazi ukubaphakathi kwabantu ngokupheleleyo. Uthi noko engumongikazi apho eDikeni, yaye ehlala kwalapho esibhedlele kube nzima ukuzixuba ngokupheleleyo nabanye oogxa bakhe. Intlungu yokungabinabazali kwakhe usoloko eyenza isizathu sayo nayiphi na into angayithandiyo emehlelayo.

 Mhlawumbi ke oku kwamncedisa kuba naku wayeziphethe ngendlela yokuzonga kuba esazi ukuba yena akanabo abazali. Bathi nabo bafana babezibika rhoqo kuye befun’ uthando, abatyhalele phaya kude. Andithi kaloku intombi yayime ngento ethi isiqu sayo ayinakusinikela kuye nawuphi na umntu. Kwekhu! Ngendisithi intle le nto xa ibicingwa ngabantwana bethu kule mihla.
Tyhini! Akukho nto iyimizwa, kuba ke isuka iziveze lisakufika ixesha. UPhumeza uzibona ethabathekile nguSipho owayefika engumabhalana kweso sibhedlela saseDikeni. Lo mfana wayengamhoyanga uPhumeza kungekho nanto ithi thiki neluphawu lokuba angazithethela apha kuPhumeza. Intoni! UPhumeza wayibona izakumphuluka loo nzwana esakubamba ucwangco, sesi sizathu esamenza yanguye ozibikayo. Asilohlazo nakuzithoba isidima na ngokwenza into enjalo? 

Phofu ke nokuba lilo, xa usazi okusemngciphekweni wokulahlekelwa kuko, kungcono uzibhakaxe kuloo mngcipheko. Kambe iileta zazinamandla ngaloo mihla. Ithini na kanene le nto yabantu abayothukayo into yamantombi eli xesha azithethelelayo emadodeni? 

Kanti uba bebesazi, sisuka kude maan! Ukuba sicinga ukuba aba WhatsApp nekudityanwa kubo kuthandwane bagxekekile, nathi ngokwethu sigxekekile ngokungalamkeli ixesha lenkqubela-phambili esikulo. Hayi ke le yamaxesha into inzima!

 USipho owayeligangxa ekuvakaliseni imvakalelo yakhe, wayesuka asebenzise ubuchule bokubhala imibongo ebhalela uPhumeza. Loo mazwi anekwe kwelo phepha ayefika alukhulise olo thando lwentombi yomntu. Kowu! Andazi kule mihla ngamazwi abhalwe ngezagwelo anokuthakazelelwa yiphi na intombi yomntu kwezi mini. Ukuba awuyibonakalisi loo mvakalelo yothando onalo ngokuthenga utywala, ayinakuze iqondwe ngala ale mihla amantombazana.

Nokuba ke le ndiyibeke ngentl’ apha kukubatyhola nje oodadewethu, lona ulwamkelo lwezinto nje ezifana neentyatyambo akusathakazelelwa ngabo. Omnye seyethengelwe loo wotshi ngebhongo, suka ayithengise, tsii! Ndimkile!