Iyagxalathelana inkxaso kumfundi obuleweyo waseFort Hare

Usapho lomfundi waseFort Hare owahlatywa wabhubha kwiiveki ezimbini ezidlulileyo uYolanda Boli, 24, waseLower Seplane eCala, luthi emva kwenkxaso engaka nesengumangaliso kubo ephuma kuluntu, yenze zathamba iintliziyo kwehla nentlungu yokubhujelwa ngunyana.

Oku kulandela emva kokuba abahlobo bakhe esikolweni bathi babhala kuFacebook besithi uBoli ibinguyena mntu kumiwe ngaye kowabo, usapho lwakhe alwazi ukuba ngomngcwabo wakhe lakuthatha ntoni ludibanise nantoni.

Baye bacela amalizo besithi nantoni na leyo ubani anokuthi ayiphose ingathi ibeke uncumo kolu sapho. Ngenene oko kwenzekile nanjengoko usapho lusithi kuninzi esele kungenile kwaye nabantu basaqhubekeka befaka nemali kwibhanki kamama kaYolanda, uNomveliso.

UGladys Kheswa ongumakazi omkhulu kongasekhoyo uthi bambeka kwikhaya lakhe lokugqibela unyana wabo ngoMgqibelo kuLower Seplane eCala. Uthi yonke into ivele yalula ngenxa yoncedo loluntu.

“Intlungu ebesinayo yokubulawelwa umntwana wethu neyokucinga ukuba sakudibanisa ntoni xa simgodusa ngolo suku, noko idambile. Ngoku sikhalela ukungabinanyana kodwa iinyembezi uluntu luzosulile ukwenjenje. Njengoko ndanditshilo ngaphambili ukuba ungumntu ongathandi nto imbi uYonela oko kuyazibonakalela kuba umngcwabo wakhe nanku uziqhuba,” utshilo uKheswa.

UGladys uthi baninzi abantu abafake isandla, abanye akabazi kodwa belusapho bathi bayabulela kuluntu.

Abanye babantu uKheswa abakhankanyileyo abaziyo abathe bafaka isandla ngutata uEnoch Godongwana noxhase ngesixa semali elingenakusichaza I’solezwe, amalungu kamasipala iNtsika Yethu baxhase ngenkomo kwakunye neegusha ezilishumi, ze umzi wabangcwabi iKhwalo Funeral Services uzibophelele ngebhokisi kwakunye nentente ngokokutsho kukaKheswa.

UYonela ebesenza unyaka wakhe wokugqibela kwizifundo zeGeology eFort Hare, uhlatywe wabhubha yintombi ebencuma nayo uYolanda Nogemane waseBadla eNgqeleni nongumfundi naye eFort Hare eDikeni.

UNogemane uvelile ngoLwesibini kwinkundla yamatyala eDikeni kwiveki ephelileyo ejongene netyala abekwa lona lokubulala akanikwa bheyile. Uvelile kwakhona kulo uLwesibini nalapho iphinde ityala lakhe lamiselwa uMvulo ozayo.