Liqela lokugqibela
iBidvest Wits elingene kumjikelo weNedbank Cup olandelayo emva kokucambalalisa
iChippa United ngo’2-0 emdlalweni obungekho shushu eBidvest Stadium ebusuku namhlanje. Umdlalo
uqale ngesantya esiphantsi – kodwa wona ubonakala ukuba uza kubanawo amagowuli.
UNorman Mapeza ukhethe ukuqala umdlalo ngeqela eliqinileyo ebelinabadlali
abafana noDiamond Thopola, uElvis Moyo noThabo Rakhale. Iphantse yafumana igowuli
iWits ngethuba ibhola ka-Eva Nga iphuma ecaleni kwepali. Emva kokusukela
nokudala amathuba, uThulani Hlatshwayo ufake igowuli leWits lokuqala ngentloko.Ibhola yakhe ingqampe phantsi yangena bekhona abadlali beChippa United
ezipalini emzuzwini wamashumi amabini anesixhenxe. Unozinti weChippa, uVeli
Mothwa, ngomnye wabadlali abebexakekile kakhulu ebaleni kwisigaba sokuqala
esiphele iWits ihamba phambili ngo’2-0 emva kwegowuli elifakwe nguNange.
Akukho nto
etshintshileyo kwisigaba sesibini ngoba iWits iye yalawula umdlalo
njengakwisigaba sokuqala. Akukho mathuba ekwazileyo ukuwadala iChippa United – kodwa ke
khange kubekho zibhola ezicacileyo ezikhatyelwe unozinti weWits – obesekhefini
emdlalweni wonke. Ifolosi yeChippa, u-Augustine Kwem, khange abonakale
nangotshengele ngoba ebefakweni phakathi ngabadlali beWits maxa onke
emdlalweni. Ukubethwa kweChippa kuyinika ithuba lokujongana nemidlalo ye-Absa
Premiership ezama ukuphepha izembe eliyinukelayo nakule isizini. Ngempelaveki,
iChippa iza kwemkela AmaZulu emdlalweni oza kube useBhayi. Amanye wamaqela
adlulele phambili kwiNedbank Cup: yiBaroka FC, iMamelodi Sundowns, iBloem
Wits: Petersen; Mkhwanazi, Hlatshwayo, Gordinho, Phiri, Hotto,
Monare, Nange, Pelembe, Dzvukamanja, Eva Nga.
Amalalela: Goss, Domingo, Hlanti, Alexander,
Doutie, Macuphu, Sekgota.
Chippa: Mothwa, Modisane, Maziya, Thopola,
Mayo, Nsabiyumva, Mahola, Komane, Jodwana, Rakhale, Kwem.
Amalalela: Mazibuko, Gamildien, Damons,
Sekotlong, Twala, Sibeko, Makobela.
Kukhalinyelwa ukubiwa kwezandla zikaBiko engcwabeni lakhe!