Kutheni ukubhadla sikoyamanisa nokukhumsha?

Abafundi baseNathaniel Nyaluza High School yaseMakhanda besenza umdlalo weqonga ngeencwadi abazifunda esikolweni

Umhlohli wesiXhosa kwiYunivesithi yaseKapa (UCT), uSimphiwe Nolutshungu, okwangumbhali, ukhuthaze abo bantetho isisiXhosa ukuba balusebenzise ngokupheleleyo olu lwimi, watsho ebongoza uluntu ukuba lungazijongeli phantsi ngokuthetha isiXhosa.

UNolutshungu, obhale iincwadi ezisibhozo, ebethetha eMakhanda kwiAmazwi Puku Story Festival ebiququzelelwe yiAmazwi South African Museum of Literature.

Lo mnyhadala ubuzinyaswe ngabafundi abangqonge izikolo zaseMakhanda.

UNolutshungu ubongoze abo bantetho isisiXhosa ukuba bakokose ulwimi lwabo.

“Iyakhubekisa into yokuthathelwa ingqalelo kwesiNgesi ngabantu abantetho isisiXhosa. Xa umntu ethetha isiNgesi uthathwa njengobhadle kunabo bonke. Xa kukho intlanganiso yokonyula abantu, okuphunywa naye ngulo obethetha isiNgesi ngenxa yokukhumsha kwakhe.

“Abantu bathi ‘ukhumsha kamnandi’ endaweni ka ‘uthetha into ephucukileyo’. Emingcwabeni yethu oyena mntu kuphunywa naye ngulo ucaphule uShakespeare, endaweni kaNjingalwazi Ncedile Saule. Ukubhadla sikwayamanisa nesiNgesi, ngobuXhosa bethu sithatha into yokuba (ubani) uliqaba elingqond’ ingqisha ndawonye,” kutsho uNolutshungu.

UNolutshungu uthi kwankqu nonqulo luqhutywa isikakhulu ngesiNgesi. “Umntu uthi azaqonde ukuba uvakele athi ‘Jesus’ endaweni ka ‘Qamata’. Masibuyeleni eMbo, ulwimi lwethu malungakhedami sikhona.”

Ethetha ngendima abayidlalayo beli zikomfundo laseUCT, uNolutshungu uthe: “Siyancedisana kakhulu phaya eUCT kwinto ethi inkcubeko yesiXhosa mayibe yinto ehlala ihleli, kuba kaloku asingomaNgesi singamaXhosa. Lo nto ithi incoko eninzi yenze ngolwimi lwakho. Siyawubona umahluko kuba abantwana abafunda isiXhosa baya bekhula.”

Malunga nemfundiso yeencwadi zakhe uNolutshungu ubalule ezo zimbini, ethi Iingceba Zikagawulayo naleyo ethi Ubuze Benimba.

“Iingceba Zikagawulayo, ukuba ubani angayifunda la ncwadi, ithetha ngogawulayo. Inazo neendawo ezithi umntu uyakwazi ukuthi uyathwasa, azimele ngentwaso abe ezazi ukuba uyagawula.

“Enye ethi Ubuze Benimba, apho siye sibone ukuba noxa nje kumaxesha amaninzi iye ibengabantu abangoomama abaphathwa gadalala, kodwa phaya kuBuze Benimba ngumntu ongumama ophethe kakubi umntu ongumfana.

“Ezi ncwadi ndizithanda ngokuba zithetha ngale nto iqhubeka ngoku kwiimpilo zethu. Inyani yeyokuba asoze uthi uphila ngokubhala incwadi. Imali mayizenzekele. Ukuba uyakwazi hamb’ okufundela enye into, uvuke uphangele.”

UNolutshungu uthi ukulandela ikhondo lesiXhosa yinto akhule nayo. “Andizange ndikukhethe ukubhala ngesiXhosa. Yayingunyaka ka1988, ndabhala umbongo othi umhlaba ndikwigumbi lokufunda. Ndamane ndiwujikelezisa kwabanye abafundi, ndabona ukuba banomdla. Andizange ndiphinde ndiyeke ukubhala. Ndalolwa naziincwadi ezifana nooDingezweni nooNyana Womntu.”

“Ngokuya ixesha lihamba, ilunda lokubhala ngesiXhosa liye likhula. Ngamanye amaxesha imibongo endiyibhalayo iza ngamaphupha. Ukuphupha kwam ndivuka ndibhale. Iinoveli kum ziqala zihlale entloko, emva koko ndibhale.

“Kum ukubhala ngesiXhosa sisibabalo, yinto engaphakathi kum. Futhi ndingatsho ukuba nokuba umntu angayokufundela ukubhala esikolweni, ukuba ayikho kuwe awuyiphiwanga uchitha ixesha. Sele umntu enoStandard 6 (Grade 8) abe omnye enesidanga (degree), kodwa ubone ukuba onesakhono ngulo kaStandard 6,” utshilo uNolutshungu.

UYonela Kukisi ofunda uGrade 8 eNombulelo High eMakhanda yena uthe: “Mna ndifunde into eninzi apha ngokubaluleka kobuntatheli ube ubhala ngesiXhosa. Sibalulekile isakhono sokubhala ukuze ukwazi ukubika ngendlela ecacileyo izinto ezenzeka kwindawo ohlala kuyo ezifana nokusetyenziswa kakubi kwemali ngumasipala. Baninzi abantu abafuna ukwazi ukuba amanzi kutheni engekho kwaye nemibhobho yelindle ukuba itheni ingalungiswa xa igqabhukile.”

Umanejala weenkqubo zezemfundo nezikawonkewonke kwiAmazwi South African Museum of Literature, eyiArhente yeSebe lezobuGcisa neNkcubeko, uZongezile Matshoba, uthe injongo zalo mnyhadala kukuphuhlisa nokukhulisa uluncwadi, ingakumbi ulwimi lwesiXhosa phaya ebantwaneni.

“Sifuna xa sibona umntu ephuma evenkileni ephethe I’solezwe lesiXhosa singothuki simbuze ukuba kutheni engathengi amaphephandaba esilungu nje,” utshilo uMatshoba.