Iilwimi zethu zijonge engcwabeni

UNGANGENI ANDINXIBANGA

Ndinesicelo esiphuma emazantsi entliziyo yam, nasicelo eso endisikhame kabuhlungu kumphunga wegazi lomntu ontsundu, elihamba nokutsarheka okuxakekisa ubuze bempilo yethu, ingakumbi ke kulowo ontetha isisiXhosa.

Ndicela ngokuzithoba okuxube neentloni nembekokazi engenakubaliswa ukuba sizame siphathisane, sincedisane ukunqanda ingcwaba esele liwuvule kangaka wona umlomo ukulungela ukuginya ulwimi lwethu lwesiXhosa.

Eli ngcwaba lilinde ngomonde ukugqumelela oko ikokwethu, ze emva koko litsho ngemibhalo emikhulu ethi: SILELE APHA ISIXHOSA, nalo nto ke iya kuthi isenze intlekisa ezizweni. Ulwimi lwethu luya lusiba ngumphunga qho kusisa, luya luthatha imeko yokwembatha ukufa.

Ewe nathi kuko konke ke oku sinegalelo kuba kaloku silubona njengento le esilibazisayo nesibuyisela umva kakhulu.

Lingumphunga okhameka ngomzuzu ngamnye weempilo zethu. Ndicela nindincedise ekuvuseleleni nokugquma umlomo weloo ngcwaba ngokuthi siluxabise ulwimi lwethu kwaye sizidle ngalo ngamaxesha onke, hayi nje ngakuthetha ngoko nangehambo yethu silunkcenkceshele.

Oku ke akufuni siqu sinye koko kufuna ukuba thina sonke sitsho ukubambisana ngalo. Ewe ke kona inyani yile ithi ngenxa yembali yethu esizama ukuyizela umva, isiLungu yaba siso ekwanyanzeleka ukuba sikakazwe sona ukuze ubani alale edlile kuba kaloku inyani yona kukuba iindlebe zomlungu ziva kakhulu isiNgesi.

Maxa wambi ke oku kubangela ukuba ubani abe nombuzo amana azibuza wona wokuba olu lwimi luyakundenzela ntoni na apha empilweni. Kodwa ke impendulo isembuzweni maxesha onke kuba kuninzi onokuthi ukwenze ngesiXhosa ukugxotha ikati inganabel’ eziko.

Ungasebenza njengombhali, utitshala, itoliki nangaphandle koko ke nokuthetha nje ulwimi lwakho imihla ngemihla kungakukhulisa ngakumbi kuba kaloku ifuthe lobuwena lokuba lihamba nawe imihla ngemihla. IsiNgesi sisiginyile, siphila ngaphakathi kuso kwaye kukhangeleka kunzima kakhulu ukuba sisitshice ngaphandle ukuba thina singazabalazela ukuba sizitshice ngokwethu ukuphuma kuloo mqolomba wehlazo.

Kwiintlanganiso zethu zokuhlala sanyulana ngamandla okuthetha isiNgesi, oyena uphile ngaphezu kwabo bonke iyaba ngulowo ukwazi ukuthetha esi siNgesi, abanye abathetha isiXhosa sibabona njengabantu abarhuqela emva kakhulu kwaye ke amaxesha amaninzi babonwa njengabo balibazisa umnxilo.

Yonke into xa kuzezi ntsuku itolikeka ngcono ngesiNgesi kwaye ke nempilo kunye nempucuko yethu nazo zothi ukuze zibe ziphucukile kube kanti isiNgesi sikhonya entla kakhulu.

Nabantwana bethu ngenxa yokubona imeko bazeke mzekweni ke ukusintsentsetha oku. Siphila isiNgesi, mandithi singamaNgesi ukuphila oku kwethu qha ingxaki inye nje kuphela sibethwa yipokotho ukubanda ukuba neepokotho zethu nazo bezifumile, ziyimingxuma ukusindwa yimali, ngekukubi ngakumbi kwiliwe lethu.

Abantu abamhlophe abasiboni isizathu sokuba bafunde iilwimi zethu kuba kaloku yonke into kubo iziswa ngolwimi lwabo phambi kwabo phofu, kwilizwe lethu ze thina balo sibuyiselwe umva sizamane nolu lwabo ulwimi. EMpuma Kapa izinto nemisebenzi kaRhulumente makukhokhele isiXhosa.

KwaZulu Natal makukhokele isiZulu ukusuka ekuthetheni ukuya kuma kumaphepha kaRhulumente, iifomu zamasebe mazibhalwe ngeelwimi zethu nabo bafikayo bakwazi ukufunda.

Kwiinqwelomoya zethu masinganyunjazwa sisiNgesi, makuthethwe ulwimi olukhonya phambili apho kuloo ngingqi kuba akuthethwa nathi xa kuthethwa isiLungu, koko konwatyiswa abo babesicinezele kuba ke nangoku sisacinezelwe ngokuvinjwa ulwimi lwethu.

Kwiinkundla zamatyala kuthi kanye ngoku uMantyi, uMmangali, uMmangalelwa kunye nabanye beneziduko kodwa kuqhume isiNgesi ide ngathi kukho lo mlungu kumele kusiwe ingxelo kuye ngesiNgesi kwenzela angasaleli ngasemva.

Side isiNgesi esi yalulwimi lomthetho yaphinda ke kananjalo yalulwimi lokuphila komntu wonke kodwa ke uRhulumente wethu umnyama kwaye abantu abazalise eli lona ilizwe ngabantwana abamnyama.

Mandithi ngelingenamikhinkqi, siziinkedama kwilizwe lethu lokuzalwa kodwa bona abaze ngokungxungxa batyibilika ebhotolweni bayokuxhasa ngobisi kuba kaloku abanangxaki yakufunda olunye ulwimi, thina ubusuku nemini sizama ukujika iingqondo zethu sikwazi ukucinga ngesiNgesi okanye ngesiBhulu ukuze silale sityile.

Zemnk’ iinkomo magwala ndini! Siyashiyekela kwizinto ezininzi ngenxa yesi siLungu ndini, kwaye kude kwaba ziintloni kuthi ke nangoku ukuthetha isiXhosa kuba uye ubonwe njengomntu osemva kakhulu xa uthetha ulwimi lwakho.

Ndicinga ukuba xa kunamhlanje noThixo wethu akasaziva ezethu iilwimi, uva isiLungu kuphela ukuba ke wayesiva isiXhosa inoba wayeka kudala kuba neenqulo zethu ngoku nazo zembethe isiLungu. Sele sitshatisa okanye singcwaba, umcimbi asingomcimbi kungakhange kubekho abathetha isiLungu. Ukuze kuthi kanti icamagu livumile kumele ulwimi lokuthinjwa kwethu lutshotshe entla ngamathuba onke sisidla amazimba.

Uzukhe uhambele itheko laMangesi okanye amaBhulu ucinge bayakujika intetha yabo ngenxa yobukho bakho na. Ndiyakuxelela uyakuncama kuba isithethe sabo namasiko azisoze zigungqe ngenxa yokuveza kwakho ubuso bakho obumnyama, kodwa ke thina siye silahle kwanto sibabuke de silahle ubuthina koko kubuka bona.

Oku kuyenza buhlungu kakhulu intliziyo yam, ndizive ndiphelelwa lithemba, ndikwabona ke kananjalo ukuba isiXhosa sethu samaXhosa axhaph’ uxolo exakekele sisiNgesi siya silobotha umzuzu nomzuzu. Phofu sikhona nathi bantu baso ntonje sisonge izandla silindele isithonga sokugqibela sokuzika kobuXhosa bethu.

Ikhwelo lityala mawethu, masibhinqeleni phezulu senjenjeya ukuyokulanda ubuthina, ukuya eMbo apho ukuyokuvuselela ubuXhosa bethu.

Ndiyahambisa maXhosa ndini. Ndikwatsho ke kananjalo ukuba kuya kuba kuwe ukuba ungene okanye ungangeni kodwa wazi ukuba ANDINXIBANGA!!