‘MaMpondo simeleni isiMpondo senu’

Kungethuba kubanjwe inkqubo yokukhuliswa kolwimi lwesiMpondo eFHT ngempelaveki apho uSAIDE ebambisene neNelson Mandela Institute kwakunye nabafundi bebambe ingxoxompikiswano malunga nezi lwimi zengingqi. Umfanekiso: SAIDE/NMI.

Emva kokuqaphela ukuba iilwimi zengingqi zijongelwa phantsi futhi ziyatshabalala, abanye babeneentloni zokuzisebenzisa xa befika kwindawo entetho isisiXhosa, iNelson Mandela Institute For Education and Rural Development kwakunye neSAIDE babone kubalulekile ukuba babize abantu abajongene nokuphuhlisa kwanokukhulisa iilwimi ephondweni kubanjwe indibano nebiyeyokuqala apho bekuxoxwa ngolwimi lwesiMpondo kwiYunivesithi yaseFort Hare ngoMgqibelo.

Nekulapho nabafundi abathetha isiMpondo bale yunivesithi kuquka noluntu oluhlala eMonti oluthetha isiMpondo bebeyinxalenye.

Ophuma kwiNelson Mandela Institute For Edu and Rural Development, oququzelela le nkqubo yoqeqesho lwesiMpondo nokwabhala amabali uCebo Solombela, uthi kuqapheleke ukuba isiMpondo kwakunye nesiBomvane nezinye iilwimi zengingqi ziyogqunywa lulwimi lwesiXhosa zide zingaqapheleki ukuba nazo zikhona.

USolombela uthi amaxesha amaninzi isiMpondo siye sijongelwe phantsi ngabaninzi kungoko nabafundi abafika kwiiyunivesithi baye bazifihle ukuba bathetha isiMpondo.

“Sisuswe yilo nto sileli qumrhu ekubeni sisiphakamise isiMpondo siyeke ukujongelwa phantsi njengoko uninzi lusenza njalo. Injongo kukuqinisekisa ukuba nezinye iilwimi maziqapheleke nokuba azibhalwanga phantsi. Kwaye sibone nomdla kuluntu lusibuza ngezinye iilwimi ezifana nesiMpondo, sathathela apho,” utshilo uSolombela.

Uthi bakwafuna ukuba siqatshelwe isiMpondo kwaye sihlonitshwe luluntu singajongelwa phantsi.

Umphathi webhodi ejongene neelwimi, iPANSALB, eMpuma Koloni, uXolisa Tshongolo, naye ebeyinxalenye nale ngxoxompikiswano ngoMgqibelo nalapho ahlabe ikhwelo kuluntu obeluzimase oku ekubeni “amaMpondo mawasimele isiMpondo sawo”.

USolombela uthi akuthandileyo nokudizwe nguTshongolo kukuba ukuze isiMpondo sithathelwe ingqalelo ngabanye abantu kumele abantu balo balimele bangoyiki ukuthetha ulwimi lwabo.

USolombela uthi uluntu obeluzimase le ngxoxompikiswano luye lwabonakalisa ukuthakazelela oku lusithi luyavuya kude kwabe nesiMpondo siyaqatshelwa.