UMabuyane ufuna uphumaphele kubakhenkethi baseJamani abaseMpuma Koloni

UMphathiswa uSindiswa Gomba kwakunye neNkulumbuso uOscar Mabuyane UMFANEKISO: Bheki Radebe

INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ukuthethathethwano nonozakuzaku waseJamani ukuba azokulanda abakhenkethi bela lizwe abakweli phondo.


Oku kuza emva kokuba umkhenkethi waseJamani, okweli phondo, efunyaniswe ukuba unentsholongwane yeCorona. 

Lo mkhenkethi ukwiqela labakhenkethi abalishumi elinanye abasuka eJamani nabathe balala kumzi weendwendwe okunxweme laseChintsha.

UMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba uthi noxa nje aba bakhenkethi bebevavanyelwe le ntsholongwane eMgungundlovu, KwaZulu Natal, ze kwafunyaniswa omnye kubo enale ntsholongwane, baza kuphinda babavavanye.


“INkulumbuso yethu ithabathe inyathelo lokuthethana nonozakuzaku waseJamani ukuba kukhutshwe abakhenkethi baseJamani kweli phondo ngenxa yokuba eli qela labakhenkethi abalishumi elinanye, apho omnye wabo efunyenwe enentsholongwane yeCorona, bebesaqhuba nokhenketho lwabo kweli phondo besiya eTsitsikama.

“Sibamisile, akukho apho baza kuphinda baye khona. Into ekufuneka beyenzile kukufulathela iMpuma Koloni ngokwesivumelwano okanye siza kubahlalisa ndawonye iintsuku ezilishumi elinesine,” utshilo uGomba ethetha noonondaba eMonti ngoMvulo.

UGomba ukwaveze ukuba kukho abakhenkethi abahleliswe ndawonye kumzi weendwendwe eNahoon, eMonti, kwanakwihotele iSavoy eMthatha ukuze bavavanyelwe le ntsholongwane.