‘Ayikhethanga bala intsholongwane yeKhorona’

Inkulu baphathiswa uOscar Mabuyane ngethuba endwendwele eQonce apho kubhatalwa indodla waye wangena engene kwenye yeVenkile zokutya apho ejonge khona uba awenyuswanga amaxabiso okutyaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Emva kokuba uluntu kunxibelelwano ngomnatha lusiva ukuba kukho umntu osuleleke yile ntsholongwane eMpuma Koloni beluye luphikisane lubuze ukuba ngowaphi, kwaye ndawoni apha ephondweni.

Kuba benenkolo yokuba le ntsholongwane isulela kuphela abamhlophe ayibasuleli abaNtsundu.

INKulumbuso yephondo uLubabalo Oscar Mabuyane uthi mayingene entloko into yokuba le ntsholongwane isulela umntu wonke ayikhethi bala litheni kwaye uluntu malulumke.

Uthi nangona nje size ngabantu abamhlophe kuba behamba amazwe ngamazwe kodwa sona sosulela naluphina ibala.

“Abantu bakuthi siyabacela ukuba bangamameli ezi zinto zithethekayo ezizakubalahlekisa. Mabayazi ukuba esi sisifo esosulelayo kwaye esinokufika naninina,” ebethetha ngoMvulo eQonce phambi kwePosi apho amaxhego kwakunye namaxhegwazana ebenze umgca omde beyokwamkela indodla yabo.

UMabuyane, umphathiswa wokuhlaliswa koLuntu uSiphokazi Lusithi kwakunye noMkomishinala wamapolisa uNjengele Liziwe Tshinga namagosa akwaSASSA ebephakathi kwaba bantu badala beyokubagada ekubeni bangasondelelani kwaye bekwabafundisa ngale ntsholongwane yeKholona.

UMabuyane uthi izokubangathi babuyela emva xa kuphinda kugcwala ngaphandle kodwa kunyanzelekile ukuba abantu abadala beyifumene imali yabo kuba isusa ikati eziko.

“Le mali inceda kwabona kuba kufuneka benokutya ngaphakathi ezindlini abantu abadala kwenzele bangaphumeli ngaphandle beyocela oko kungathi kongeze amathuba okusulelana.” Uvale ngelo uMabuyane.

Utamkhulu uPhindile Dlova, 72, welali yakuTyholo eQonce uthe: “Ewe ndinalo ulwazi lwale ntsholongwane kudala ndisiva kuthethwa ngayo kodwa bendingazongezi emalini yam apha edolophini,” Utshilo uDlova.

UMakhulu uNomfusi,98, naye uthe ebengayazi ukuba isulela njani engenalo ixesha layo kuba naye exinga yeyabantu abathile. Kodwa uthe ucaceselekile ukuba ihamba njani kwaye kufuneka benzeni kodwa naye esithi akanakutya emva.

Umphathiswa uMani-Lusithi ubongoza uluntu ekubeni ukuba unolwazi ngosapho olulala lungatyanga utsalele inombolo yoncedo yesebe lakhe kwaye uthathe iinkcukacha zolosapho bazakulinceda.

EZwelitsha sifike abantu abadala behleli ezitulweni bebambe ucwangxo kwaye beqelelene belinde imali yabo.