Iphondo lixhela iinkomo eziyi-1 340 ngosuku

Umphathiswa woPhuhliso lwamaphandle nezoLimo Nomakhozana MethUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Imfuno yenyama ebomvu ingaphaya kokuqonda eMpuma Koloni kwaye ukuxhelwa kweenkomo ezingaphaya kwewaka ngosuku akuncedisi, nanjengoko iphondo lisaqhuba ngokuthenga inyama ebomvu kwamanye amaphondo.

UMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle nezoLimo ephondweni uNomakhosazana Meth, ukudize oku ethetha noonondaba eBhisho kwiveki ephelileyo.

“Kwinyama ebomvu, sineendawo zokuxhela ezingamashumi alithoba anesihlanu (95) kwiphondo liphela apho kuxhelwa iinkomo eziliwaka elinamakhulu amathathu anamashumi amane (1340) ngosuku.

“Kodwa oku akwanelanga kuba iphondo kuye kunyanzeleke ukuba lithenge inyama ebomvu kwamanye amaphondo afana neKwaZulu Natal, Rhawutini neFreyistata ukuhlangabezana nenyama ebomvu ekwimfuno ephondweni,” utshilo uMeth.

UMeth uthi iphondo livelisa kakhulu ubisi. “Ngokobisi iMpuma Koloni yiyo enceda ilizwe. Amashumi amabini anesithoba ekhulwini (29%) yobisi olusetyenziswa kwilizwe liphela iphuma kweli phondo. UMeth ubalule iSundale neCrickley esithi zezona ezivelisa ubisi ngomthamo ophezulu.

UMeth uthi njengephondo okanye ilizwe liphela, kukhona ukutya esimoxhekeke kwamanye amazwe ukuze sibe nako.

“IRice siyifumana kwamanye amazwe, akukho kwaRice eveliswa kweli lizwe. Kwakhona, isiqingatha sengqolowa sisithenga kwamanye amazwe.

UMzantsi Afrika ukwafumana iimveliso ezifana nenyama yenkukhu kwakunye nojongilanga (sunflower), kodwa ke ezi iimveliso singakwazi ukuzivelisa apha elizweni,” utshilo. “Sisebenzisana namaqumrhu abucala ukuqinisekisa ukuba ukutya kwanele kwiphondo lethu. Abe-Agri Eastern Cape basiqinisekisile ukuba akukho kutya kuza kunqongophala. “Sineendawo zokuxhela iinkukhu eTinarha, eMthatha naseCumakala,” utshilo uMeth.

IMpuma Koloni ikwaneendawo ezintathu zokuvelisa imifuno. Ezi ndawo ziseBhayi, eMonti naseMthatha. Kusenjalo, isebe loPhuhliso lwezoQoqosho eMpuma Koloni libhengeze ukuba liza kuwancedisa amashishini athwaxeke ngenxa yeKhorona.

Amashishini afuna uncedo angatyelela iwebhusayithi ethi www.mscec.co.za okanye bathumele imeyili ku:Jodynaidoo@telkomsa.net okanye umnxeba: 082 456 8938.