Una89 kodwa uza kuba nosana!

UBernie Ecclestone nenkosikazi yakhe ekhulelweyo uFabian Flosi

UBernie Ecclestone ongumlawuli womdyarho wemoto iFormula 1, uneminyaka engamashumi asibhozo anethoba, kodwa ulindele unyana wakhe wokuqala ngeyeKhala.

Le ngcungcu yosomashishini ikunye nenkosikazi yayo eyinzalelwane yaseBrazil uFabiana Flosi (44) balindele umntwana wabo wokuqala.

UEcclestone akaqali kuzala nanjengoko enabo abantwana kwinkosikazi yakhe yokuqala nabathi bazintombi bonke, abo nguDeborah (65), Tamara (35) kwakunye noPetra (31). Esi sityebi semoto sidize oku ngethuba sithetha namaphephandaba, nalapho sikwadize ukuba luyinkwenkwe usana oluzayo.

“Ewe kunjalo, kulindeleke ukuba azalwe umntwana kulo nyaka, asisenakulinda ngoku,” kutsho uEcclestone. Ngethuba ezalwa umntwana ngenyanga yeKhala uyise uza kuba egqiba iminyaka engamashumi alithoba ngenyanga kaSeptemba walo nyaka.

“Umnqweno womzali ngamnye isoloko ikukuba kuzalwe umntwana ophilileyo, ingakumbi kula maxesha omngcipheko,” kutsho uEcclestone.

Esi sibini sizimanye ngeqhina lomtshato ngonyaka ka2012 kwelaseBrazil. Ukanti unina womntwana uthi akanqweneli ukuba unyana wakhe alandele ekhondweni likayise.

“Ndinethemba lokuba akayi kubonisa nonjani umdla kumdyarho wemoto iFormula 1 njengoyise,” kutsho uFabiana. Ngenxa yokubaleka impithizelo yesifo seKhorona, esi sibini sizivalele kwifama yaso eSao Paulo. “Ndikhathala kakhulu ngempilo yonina womntwana, kuba ukuzalwa komntwana kuxhomekeke kwimpilo yakhe,” kucacisa uEcclestone.

Logama belindele ukuzalwa komntwana bakwaxakeke kukuvelisa ikofu kwifama yabo ekumaphandle aseSao Paulo.

“Siqinisekile ngokhuseleko apha, asisondeli kwindawo enesininzi, siyazigonya amaxesha onke siqinisekisa ukuba iKhorona ihambela kude kuthi, nathi sihambele kude kuyo,” kutsho uEcclestone.

UEcclestone akakufutshane ukuba ngoyena mntu mdala ukuzala umntwana nanjengoko indoda yaseIndiya uRamjit Raghav waba ngoyena mntu mdala ukuba nomntwana kwihlabathi kuba wayenamashumi alithoba anesithandathu ubudala ngethuba efumana omnye wabantwana bakhe.