Qhuba inkonzo yePasika kowenu!

Amabandla abongozwa ukuba athandazele ezindlini zamakhaya wabo kule Pasika

“Iinkonzo ezininzi ziwashicilele amazwi asixhenxe ukuze irhamente imamele emakhaya. Urhulumente uvale ukuhambahamba kwabantu, into ethetha ukuba iinkonzo mazivale izakhiwo zeetyalike. Kodwa ke thina sithi iinkonzo zikhona, azivalwanga phaya emakhaya,” utshilo uNtshingwa.

UNtshingwa uthi imingxili efana nooWhatsApp mayisetyenziswe ngamarhamente ukuva ilizwi likaNkulunkulu.

“Amabandla siyawakhuthaza ukuba ashicilele amazwi athumele ngoWhatsApp, kuba abantu abaninzi banaye uWhatsApp. Ezinye iinkokheli zingakwazi nokuthumela iintshumayelo nge-imeyili, kodwa uWhatsApp ngoyena usemntwini omninzi.

“Inkonzo yamahlamvu, isibonisile ukuba singakwazi ukuyiqhuba inkonzo sisebenzisa ubuxhakaxhaka bomnatha wonxibelelwano,” kutsho uNtshingwa.

Lo kaNtshingwa ukwabongoze amabandla ukuba athobele umthetho welizwe esithi ngokwenza njalo bakuba bekhusela amarhamente abo.

“Ndicela zonke iinkonzo ziwubambe umyalelo wokuba mazivalwe izakhiwo zeenkonzo. Mna phaya kuQoboqobo ndinamabandla alishumi elinesine, kwaye zonke ziyayazi into yokuba kufuneka zihlale emakhaya. Amabandla mawathobele umthetho welizwe kuba ukuba akenzanga njalo, umntu ayazi ukuba uza kubanjwa.

“Kukho abefundisi ababini abangevayo eDikeni ababanjwe ngokuqhuba inkonzo. Ndizama ukuthi kubo bonke abefundisi mabathobele umthetho, bayaleze amarhamente ukuba aqhube inkonzo emakhayeni abo.

“Ndiyabongoza iinkokheli zamabandla ukuba zingakhe zophule umthetho ngokubamba iinkonzo, kuba ngokwenza njalo zakwandisa esi sifo,” utshilo.