Ngeke uRhulani abuyele kwiBucs esekho uZinnbauer

Rhulani Mokwena

Emva kwexesha elide ethule, uRhulani Mokwena uzityande igila ngonobangela wokumka kwiOrlando Pirates.

UMokwena wathi shwaka kwiPirates ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo emva kokuba abaphathi bagqiba kwelokuba baqeshe uJosef Zinnbauer waseFrance.

Iinguqu kwicala lezoqeqesho zabangelwa kukungaqhubi kakuhle kwePirates phantsi kukaMokwena owanikwa uxanduva lokuqeqesha emva kokuhamba kukaMilutin “Micho” Sredojevic engabhungisanga owathi vumbu eYiphutha – apho eqeqeshe khona iZamalek.

KweyoMnga wonyaka ophelileyo, uMokwena wantingela eNgilane – apho wayokufunxa ulwazi kwabanye abaqeqeshi abazincutshe ebholeni.

“Ndikhe ndachitha ixesha elininzi ndithetha nabantu endibaziyo ngezinto ezenzeke kum. Zikhona izinto ezandidandathekisayo – kodwa yonke lo nto ndayibona njengenxalenye yokukhula. Konke okwenzekileyo kundixhobisile ,” utshilo.

Abantu abaninzi babesoloko bezibuza imibuzo ngokungabonakali kwakhe.

Kude kwacaca okwabangela abeleke izithende phambi kokuthi vumbu eBhayi njengomqeqeshi weChippa United eyashiywa nguNorman Mapeza emva kokuyisusa endaweni embi kakhulu.

“Ndaya kumhlobo wam osebenzela iLiverpool. Ndafunda indlela ezenziwa ngayo izinto eYurophu kwicala lezophuhliso. Yahlaziyeka ingqondo yam kukubasendaweni eyahlukileyo.

Ndahlala ekhaya ndaqhubela phambili nezifundo zam ngoba kwakucacile okokuba ngekhe ndikwazi ukusebenza endaweni enye nomqeqeshi omtsha . Zange indikhathaze lo nto ngoba yinto eqhelekileyo. Bonke abantu baneendlela zabo zokwenza izinto.

“ Nam ndinezinto endifuna zenziwe ngendlela ethile ngabantu endifuna ukusebenza nabo. Akukho mntu endinokumbeka ityala ngalo nto,” utshilo uMokwena othi ukusebenza nePirates kumfundise izinto ezininzi ngokuqeqesha.

Njengokuba uMokwena engumqeqeshi weChippa United – kodwa osephantsi kwengqesho yePirates, kuyabonaka okokuba ngeke abuyele kuyo kusekho iZinnbauer. Kulindeleke uMokwena ahlale kwiqela laseMpuma Koloni ukuba ukwazile ukulisindisa ezembeni.

Imidlalo yeAbsa Premiership isanqunyanyisiwe ngenxa yesifo esigqugqisa ihlabathi ekuthiwa yikhorona.