UNtombizanele ngusisi kaThembinkosi Matyolweni owaziwa njengoLuckeez Mfowethu kuMhlobo Wenene FM.
Amapolisa athi umzimba kaNtombizanele wafunyanwa ugcwele ngamanxeba ngomhla weshumi elinesithoba kweyoKwindla 2018. Amapolisa alwenza uphando kodwa akuzange kubanjwe mntu.
“Amapolisa amemelela kuye nabani na onolwazi ukuba aqhakamshelane nomcuphi uSajini Unathi Makala ku
073 444 0904 okanye 043 708 4600/4612. Lonke ulwazi lwakuthatyathwa njengemfihlo,” utshilo uKapteni Khaya Thonjeni wamapolisa ephondo.
ULuckeez kudala imkhathaza into yokungabanjwa kwabantu ababulala usisi wakhe. ULuckeez, kumatyeli aliqela edlana indlebe nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, ebebanga ngelithi kukho unyawo lwemfene kumbandela wokubulawa kukasisi wakhe.
Lo msasazi uthi ukubulawa kukaNtombizanele kwaqala ngezilumkiso, ethukwa efowunini.
“Usisi wam wahlaselwa wayokubhubhela esibhedlele,” watsho uLuckeez.
Kukhalinyelwa ukubiwa kwezandla zikaBiko engcwabeni lakhe!