Ulwamvila leKhorona livakala macala onke

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSouth African Football Association, uza kuthoba imivuzo yabasebenzi bawo abathile.

Oku kwenziwa ngenxa yefuthe nolwamvila lesifo esosulelayo (ikhorona) esele sigawule imiphefumlo yabantu engaphaya kwamakhulu amabini amawaka emva kokubhaqwa kwechaphaza laso ebantwini abangaphaya kwezigidi ezithathu kwihlabathi lonke.

UMzantsi Afrika uye wazinqumamisa zonke iintshukumo zoluntu emva kokubhengezwa kwesimo sentlekele nguMongameli uCyril Ramaphosa kwinyanga ephelileyo. Nayo imidlalo yebhola ekhatywayo iye yanqunyanyiswa.

Lo nto ibangele amaqela namaqumrhu ebhola angakwazi konke konke ukufumana ingeniso. Kutshanje, iSafa ibhengeze okokuba iza kuqwalasela ukucutha imivuzo ivule nenyoba kwabo bafuna ukuyeka ukusebenzela yona ngenxa yokushokoxeka kwezimali.

“Injongo yentlanganiso ibikukuqwalasela indlela ekunokucuthwa ngayo iindleko. Ukucuthwa kwemivuzo, ukujongwa kwabasebenzi bethutyana nokuqhawulwa kwezivumelwano zabathile zezinye zezinto,” itshilo ingxelo yeSafa emva kwentlanganiso.

Nangona iPSL isaziwa ngokufuma kwengxowa yayo yemali – kodwa amaqela amabini sele ephumele elubala ngokuthoba imivuzo yabadlali.

UJohn Comitis, usihlalo weCape Town City, uxelele i-Independent Media okokuba ucinga ukucutha imivuzo yabadlali kwinyanga ezayo.

“Akukho namnye umntu oza kusinda kule ngxaki. Namaqela amakhulu ayaluva ulwamvila lekhorona.

Ukuze sikwazi ukuligcina iqela, kuyanyanzeleka senze uhlengahlengiso,” utshilo uComitis.

Kanti AmaZulu ngawona aqale ngokwenza isibhengezo ngokuthotywa kwemivuzo – kodwa oko kubonakala ngathi kuwabizele ukhwembekhwembe ngoba umbutho wabadlali, iSafpu, awuyithandanga kwaphela lo nto.

“AmaZulu akhuphela abadlali iincwadi ezibazisa ngokunokwenzeka.

Ngomhla wamashumi amabini kule nyanga azise abadlali okokuba imivuzo iza kuthitywa ngenxa yekhovithi-19.

Oko kwenziwa kukuba abaxhasi abakwazi ukukhupha imali njengesiqhelo,” utshilo uNhlanhla Shabalala weSafpu. Ayikabikho into ethi amaqela akazu kuyifumana imali yawo kwiPSL.