Uchatha kwindodla yabahlelelekileyo

UMongameli uCyril Ramaphosa esenza intetho malunga neLockdown

ONKE amehlo aza kube ethe ntsho kuMongameli Cyril Ramaphosa namhlanje ukuva ukuba uyanyenyisa kusini ekuvalweni kweentshukumo elizweni.

Kodwa ke nokuba uthini uMongameli, abona bantu baza kube bencumile ukuya ebhankini ziimpula zikaLujaca emva kokuba uRamaphosa efake uchatha kwimali yendodla.

URamaphosa ngoLwesibini ubhengeze imali ekwiibhiliyoni ezingamakhulu amahlanu (R500 billion) njengeyokuthoba umxakatho weenzingo zezimali ezibangelwe yintsholongwane yekhorona.

UMongameli uthi bagqibe kwelokufaka uchatha kwimali yendodla iinyanga ezintandathu. Kwinyanga kaCanzibe, imali yendodla yabantwana (Child Support Grant) iza kufakelwa uchatha weR300 ukuze ibeyiR745.

“Ukusukela kweyeSilimela ukuya kweyeDwarha, imali yendodla yabantwana iza kuba yiR500 ngenyanga,” utshilo uRamaphosa.

Amanye amabakala weendodla aza kufakelwa uchatha weR250 ngenyanga, iinyanga ezintandathu, utshilo uRamaphosa. Umzekelo imali yendodla yabadala eyiR1 860 ngoku iza kuba yiR2 110 ngenyanga kwezi nyanga zintandathu zizayo.

Okokuqala kwimbali yeli lizwe, uRamaphosa ubhengeze imali engangeR350, rhoqo ngenyanga, kubantu abangaphangeliyo kwezi nyanga zintandathu zizayo.

Abantu abangaphangeliyo eMzantsi Afrika bayi-6.7 million, ngokweziko leenkcukachamanani loMzantsi Afrika.

“Isebe loPhuhliso loLuntu liza kukhupha iinkcukacha ngokufunekayo kwabo baza kufaka izicelo malunga nesibonelelo sabangaphangeliyo,” utshilo uRamaphosa.

Lubalelwa kumakhulu asixhenxe ananye ekhulwini (71%) ulutsha lwaseMpuma Koloni oluxhamla kwimali yesibonelelo sikarhulumente sendodla yabantwana, into ethetha ukuba yimbinana nje yabantu abalupheleyo abaxhamla kwindodla xa kuthelekiswa nolutsha lwephondo.

Abantu baseMpuma Koloni, abadala nabancinane, abaxhamla kwisibonelelo sikarhulumente bakwisigidi esinamawaka angamakhulu alithoba (1.9 million).

AbeArhente yoKhuselo lweNtlalo yoLuntu, eyaziwa njengoSASSA, bachitha imali ekwiibhiliyoni ezintathu zeerandi (R3 billion) rhoqo ngenyanga ukuhlawula indodla kwiphondo laseMpuma Koloni.

URamaphosa ukwabhengeze ukuba iR20bn iya kwiimfuno zezempilo, iR20bn iya koomasipala ukuze banikeze ngeenkonzo ezingundoqo, iR100bn iya kukhuselo nokudalwa kwemisebenzi, iR40bn iya kwiinkampani ezingakwazi kuhlawula mivuzo emva kokuxhwaleka ngenxa yentsholongwane yeKhorona, iR2bn iya kumashishini amancinane kuquka nezipaza.