Kulusizi ukuvakalisa ngokuvalwa kweBona

Kulusizi ukuva iindaba zokuba enye yeemagazini ebikade iphokoza iindaba zolonwabo kwintlalo yabantu abamnyama iminyaka engaphezu kwamashumi amahlanu, iBona, iyavalwa.

Ngeminyaka yoo1980, le magazini ibe yeyokuqala ukuthatha isigqibo sokuba ipapashe iindaba zayo ngesiNtu esiquka isiXhosa, isiZulu, isiSotho nesiTswana. Inkampani ibipapasha le magazini ivakalise oku isenziwa luxinizelelo ekukudala lukho kodwa olukhuliswe ngamandla sisifo seKhorona.

Siwakhumbula kakuhle amaxesha apho iBona ibilandela amabali empumelelo yeemvumi ezimnyama, abadlali bakamabonakude kwakunye nabadlali bebhola ekhatywayo. Inene iyidlalile indima yokonwabisa, ukufundisa nokuxhobisa abantu ingakumbi abathetha isiXhosa nesiZulu.

Umntu okwazi ukufunda okanye ofundileyo ngalo maxesha umbona ngokuba athenge le magazini okanye ufike ikhona ekhayeni lakhe. Oku bekungenxa yokuba ibisoloko iqulethe zonke izinto ezifunwa ngabafundi bayo noluntu ngokubanzi.

Amaphandle afana neTranskei neCiskei alifumana ithuba lokuxhamla iindaba eziqhubeka kwiidolophu ezinkulu zeli ngenxa yomsebenzi wale Magazini.

Ngenxa yoxinizelelo lelo xesha, iindaba zabo bezingayi ngamandla kwimicimbi yezopolitiko. Zininzi iinkampani ezivakalise ukuba zithathe isigqibo sokuvala amanye wamaphephandaba azo kuquka neemagazini, kodwa asinakuthula singathethi ngokuvalwa kweli gongqongqo leendaba zabantu abamnyama.

Ngonyaka ka1986, ukubhubha kwemvumi yodumo yePop, uPaul Ndlovu, ekunye nomdlali wamanqindi uArthur Mayisela, le magazini yadlala indima entle ukwazisa uluntu banzi ngokwabangela ukubhubha kwesi sibini.

Iikhathuni ezazilapho zigcina isizwe sihleka imihla yonke zibhalwa ngamagqala okubhalwa kweendaba afana noForce Kashane noThutsu Vikilahle nabanye.

Rhoqo ngenyanga, uluntu beluhlala lunethemba lokuva iindaba ngobomi nomsebenzi woonondaba kumabonakude nakunomathotholo ngokufunda le magazini. Owayesakuba ngumsasazi weRadio Xhosa, enguMhlobo Wenene ngoku, ubawo uDoyi, uPeter Bacela, ngomnye owakhe wanikwa ithuba lokubhentsisa ibali lakhe nonomathotholo yile magazini. Ukuba besinokucaphula kwimibongo kaFrancis Carey Slater besiza kuthi ‘Siyalila, siyalila inkomo yethu ifile’

Maninzi amaphephandaba neemagazini esele ziqinisekise ukuba ziyavala ngenxa yoxinizelelo olwenziwa sisifo seKhorona kwintlalo ngokubanzi.