Basasela amanzi angcolileyo eDutywa!

Iilali zaseDutywa zisela amanzi angcolileyo imifanekiso: ithunyelwe

Njengokuba ihlabathi liphethwe mbengwane yikhorona – amanzi sesinye sezixhobo ezithembekileyo zokuzikhusela kuyo.

Amanzi acocekileyo yinto ekunyanzelekileyo ibekhona – kodwa ebantwini beelali zaseChizele, eDutywa, lo nto bayiva ngembali ngoba basela amanzi amdaka noxa imibhobho yamanzi ineminyaka emihlanu yafakwayo.

Zingamashumi amane (40) iilali kwaWadi 8, phantsi koMbashe Municipality, ezingenawo amanzi acocekileyo. Xa imvula inqabile, bayanyanzeleka abantu bakhe amanzi anobulembu, oonojubalala nekulahlwa kuwo iiphampasi ezintlanjeni kwiilali zaseChizele.

Ukungena kobusika kungekho manzi acocekileyo kuza kwenza nzima ubomi babantu kakhulu.

Ngo-2015, urhulumente wakha amatanki wafaka nemibhobho yamanzi ezilalini ezininzi – kodwa akuphumi manzi ngoba umasipala (Amathole Municipality) wenza umsebenzi ongagqibelelanga. Akukho themba ngoba umasipala uthi ayikho indawo ekunotsalwa kuyo amanzi aya eChizele.

I’solezwe lesiXhosa lizibonele ngokwalo iindawo abantu abakha kuzo amanzi. Ngokwenene amanzi amdaka, iintlambo zikude kwaye abantu baza kuhlaselwa lula zizifo ngoba amanzi abawaselayo amdaka. Amatanki wethutyana athunyelwe ngeli thuba lekhorona ngeke enze mahluko ngoba baninzi kakhulu abantu kweza lali.

“Ukungabikho kwamanzi apha ezilalini kuyasibetha kakhulu,” utshilo uMabuya Nantweni wakuChachazele ephokoza imbilini yakhe kweli phephandaba.

“Xa kunganethi ithuba elide, urhulumente usiphindisela kula ndawo wayethe akafuni siye kuyo. Kuyanyanzeleka sibophe iidonki siyokukha amanzi xa ephelile ematankini. Iitepu zizithunzi ngoba azisebenzi. Wayethe urhulumente uyasikhulula, sikhululekile ngoku? Ukuba ikhorona ibikhona apha, ngeyisibulele sonke,” utshilo uMabuya.

Umama osele emdala, uNo-awala Xolweni, ohlala nabazukulwana bakhe, uyibalise yambi indlela asokola ngayo.

“Kusiphatha kakubi ukungabikho kwamanzi ngoba asinazo needonki. Xa kuphele amanzi, ndiye ndiqeshe abantwana bayokundikhelela etyelebeni (intlambo). Nantsi imibhobho yamanzi ngaphaya kwendlela.

Nangona ndingaboni kakuhle kodwa ngendithwabaza ndiye etepini nomzukulwana wam. Makuphume amanzi apha ezitepini rhulumente,” utshilo umam’ uXolweni. Yena uNoluthando Sithonga ongenayo kwanto yokukhongozela amanzi wemvula ukhala esimantshiyane. “Andinalo itanki, ndiwakha emlanjeni amanzi. Sisokola kakhulu kwicala lamanzi. Amanzi esiwakha emlanjeni anobulembu noonojubalala futhi mabi nalapha emlonyeni. Ingase andiphe itanki urhulumente,” utshilo uSithonga waseSitishini.

Ngenxa yobudala, umama uMamTshawe wakuMngcitha uthi kuyanyanzeleka akhuphe imali epokothweni aqeshe into eza kumkhelela amanzi.

“Kusiphethe kakubi ukunqaba kwamanzi apha. Oko sathenga amanzi ngeR600 neR700 njengokuba bekunganethi. Athi akuphela amanzi etankini kunyanzeleke siwathenge. Asinawo nyhani, sihlamba iimpahla edamini elidada iihagu. Siyahlamba ke kodwa ngoba sizama ukonga la siwatyayo. Makhe bakhuphe amanzi ezitepini,” utshilo uMamTshawe.

Yena uNokuzola Sivulo waseMaqhinebeni uthethe wenjenje: “Eyona nto imbi kakhulu kukuba andinalo mna itanki. Kuye kunyanzeleke ke ndiye eKhwaneni, umfula ekulahlwa kuwo iinapkeni ngabadlezana. Amanzi esiwatyayo mabi kakhulu futhi anelindle labantwana. Sitya ububi kwaye asinakusinda nakwizifo.

Iindawo umasipala athi wazigrumbela amanzi phantsi komhlaba aziwafumani ngoba kwaloo nkqubo yaphelela esithubeni.

Kwiminyaka emihlanu, uMasipala waseMathole akakwazanga ukunceda eyona ndawo engenawo amanzi phantsi koMbhashe Municipality kwaye kuyabonakala okokuba akukho mntu okhathalele nto ngoba akukho nto icacileyo enokusombulula umba wamanzi. Impendulo enikwe I’solezwe ngumasipala (Amathole Munucipality) ithe: “Into ebangela amanzi angaphumi ezitepini kukuba ayikabikho indawo ekuza kutsalwa kuyo amanzi. Ngenxa yalo nto umasipala wagqiba kwelokuba kugrunjwe amanzi phantsi komhlaba okwethutyana. Sele iqalile leyo inkqubo kodwa asiyazi ukuba iya kuphela nini ngoba kusakhangelwa amanzi. UMasipala usacele ungenelelo lweSebe laManzi kuZwelonke ukuze kugqityezelwe umsebenzi wamanzi eChizele ekuthiwa yiSundwana Scheme.”