iPSL no-Absa Bank ziqhawule umtshato emva kweminyaka emininzi

PSL Chairman Dr Irvin Khoza during the PSL AGM seminar on 14 November 2019 at Kitakyushu Stadium Japan Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Iqumrhu lebhola
ekhatywayo, iPremier Soccer League, libhengeze ukuphela komtshato wayo nebhanki
yakwa-Absa. Umtshato wePSL no-Absa uza kuphela xa kusongwa isizini ka-2019/20,
itshilo ingxelo ekutshwe yiPSL namhlanje. Ibhanki yakwa-Absa yaqala ukuba
ngumxhasi omkhulu webhola ekhatywayo ekwinqanaba eliphezulu (PSL) ngonyaka
ka-2007. Ngoku u-Absa uyayeka ukuba ngumxhasi wePSL emva kweshumi
elinesithandathu leminyaka. “Sisebenzisene kakuhle kakhulu nePSL kwaye siwuxhasile
umsebenzi wayo wokuphuhlisa ibhola ekhatywayo. Nangona siza kuyeka ukuba
ngumxhasi ophambili wePSL – kodwa yona ibhola ekhatywayo iza kuhlala
isezintliziyweni zethu. Siza kukhangela ezinye iindlela zokusebenzisana nePSL.
Siyabulela kakhulu intsebenziwano esiyifumene kwiPSL nakubantu bonke bebhola ekhatywayo,”
utshilo uMnu. Daniel Mminele, igosa eliphezulu kwa-Absa elingasichazanga
isizathu esibangele ukurhoxa kuka-Absa.

   No photo description available.

Naye usihlalo
wePSL, uGqirha Irvin Khoza, wenze ilizwi lombulelo ku-Absa owenze igalelo
elikhulu kwibhola ekhatywayo. “Igalelo elenziwe ngu-Absa ekukhuleni kwebhola
ekhatywayo kwakuhlala kuhleli kwimbali yebhola ekhatywayo. SiyiPSL, senza
omkhulu umbulelo ku-Absa ngokuqinisa ibhola yethu yatsho yakwinqanaba
eliphezulu,” utshilo uGqirha Khoza kwingxelo ekutshwe ngentsasa yanamhlanje. Ingxelo
ngokuyeka kuka-Absa ukuxhasa ibhola ekhatywayo (PSL) yavala ekukekeleni konyaka
ophelileyo – kodwa yaye yakhatywa lo ngxelo njengento engachaneka. Eminyakeni
elishumi elinesithandathu, u-Absa akaxhasanga amaqela abadlala kwiPSL nje
kuphela – abadlali abathe baqaqamba, oosompempe, abancedisi babo nabalandeli –
baxhamle kakhulu. Nangona kungekacaci okokuba yeyiphi inkampani eza kungena
endaweni ka-Absa – kodwa kulindeleke iPSL ingasokoli ngoba ingumququzeleli
omkhulu wemidlalo eMzantsi Afrika.