‘Uyabuya’ umzimba kaSibusiso Qongqo, kodwa usapho lusemathidala

USibusiso Qongqo ubhubhele eCuba apho ebefundela khona ubugqirha UMFANEKISO: FACEBOOK

INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ubhengeze ukuba umzimba kaSibusiso Qongqo, obesenza izifundo zobugqirha eCuba, “uza kubuyiswa” uze eMzantsi Afrika ngomhla wesibini kwinyanga yeKhala.

 

Kodwa usapho lakwaQongqo luthi lwakuthemba mhla yenzekileyo lo nto, nanjengoko lusithi esi sithembiso sikhe senziwa ngaphambili.

 Oku kuza emva kokuba uSibusiso, wakuCofimvaba, ethe wabhubhela eCuba ngomhla wama-29 kuTshazimpuzi 2020 kulandela isigulo sesaquphe esayamene nokubhidla kukadakada. 

USibusiso ebekunyaka wakhe wesihlanu kwizifundo zenkxasomali yombuso eyaziwa njengeNelson Mandela Fidel Castro Medical Collaboration Programme.

Usapho lukaQongqo belubindeke kakhulu yimeko kaSibusiso emva kokuvakala ukuba umzimba wakhe usengatshiswa kwela lizwe. Le meko ayishiyanga nje udandatheko kwaQongqo, koko ikwashiye umvandedwa nezililo ezingesiqabu.

 

Iingxelo zithi umama kaSibusiso, uNolubabalo, ebedandatheke kangangokuba besele kunzima ukulala ebusuku. Inye into ebifunwa lusapho lakwaQongqo, kukungcwaba unyana walo ngesidima esimfaneleyo.

 

“Njengorhulumente wephondo sisebenzisana norhulumente kazwelonke, sisebenza nzima ukubuyisa umzimba kaSibusiso Qongqo. Mhlawumbi nibonile kwabeendaba nakumaqonga ezonxibelelwano indlela beludandatheke ngayo usapho lakwaQongqo.

 

“Sisebenzisana nesebe leNtsebenziswano kwiHlabathi kwakunye noMkhosi woKhuselo ukubuyisa umzimba wakhe ngomhla wesibini kweyeKhala.

 

Inqwelomoya yoMkhosi woKhuselo iza kusuka kweli lizwe ngomhla wama-29 kweyeSilimela. Umzimba kaSibusiso awuzukutshiswa futhi awuzungcwatyelwa eCuba. Umzimba wakhe ugcinwe kakuhle eCuba futhi siyalibulela ilizwe laseCuba ngokuwugcina lo mzimba kuba ngokwesithethe sabo umzimba ugcinwa iintsuku ezintathu,” utshilo uMabuyane.

 

UMabuyane uthi igqiza eliphuma kwiofisi ulithumele kwaQongqo ukuba lise lo myalezo wokuba umzimba wakhe uza kubuyiswa.

 

Ubhuti kaSibusiso, uAzola Qongqo, uthi “asikokokuqala” bethenjiswa ngabasemagunyeni, ngombandela womzimba kaSibusiso. Usapho lakwaQongqo luthi iSebe lezeMpilo ephondweni alikhange libaphathe ngendlela “efanelekileyo” kulo mba. 

 

“Siyathemba ukuba bakusifezekisa isithembiso sabo. Asigcobanga tu silusapho. Babesithembisile ukuba baza kubuyisa umzimba ngomhla wesithoba kuCanzibe, kodwa ayizange yenzeke lo nto. Ukungafezekiswa kwesi sithembiso kungenzeka kwakhona, kodwa ke makhe simnike ithuba urhulumente,” utshilo uAzola.