Abeqakamba balungiselela ukubuyela ebaleni

Kagiso Rabada of South Africa during the 2020 International 1st T20 Series match between South Africa and Australia at the Imperial Wanderers Stadium, Johannesburg on the 21 February 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Likhona
ithemba lokubuyela kwemidlalo kwakhona emva kokuxinga kwayo – kodwa yimidlalo
ethile eza kubuyela emabaleni. Oku kubhengezwe kuMphathiswa weZemidlalo, uMnu.
Nathi Mthethwa, othe imidlalo efana neqakamba, igalufa nentenetya ingabuyela
ebaleni ngoba yona leyo imidlalo yahlukile kweminye. Lo qabu wamkelwe ngezandla
ezifudumeleyo ngabantu beqakamba eyagqityelwa ukudlalwa kwisithuba esingaphaya
kweenyanga ezimbini ngenxa yekhorona esele yosulele izigidi ezithandathu zabantu
yabulala nabasukela amakhulu amane amawaka kwihlabathi. Ngoku into efunekayo
kwizikhulu zombutho olawula iqakamba, iCricket South Africa, kukunika
urhulumente umkhombandlela ocacileyo notyhila indlela ekunokudlalwa phantsi kwayo
neqinisa kakhulu ukhuselo labo bonke ababandakanyekayo kwiqakamba. “Ziindaba
ezimnandi kuthi sonke kwiqakamba. Besisoloko sinxibelelana nabasemagunyeni
kwaye basixhasile,” itshilo ingqonyela ebambeleyo yeCSA, uJacques Faul.

Imidlalo
efana nebhola ekhatywayo nombhoxo iseza kulinda elinye ixesha elide
ngokungafaniyo neqakamba. “Okwangoku imiqathango ivumela ukubuya kweqakamba
ekwinqanaba eliphezulu. Into ekufuneka siyenze ngoku kukunika isicwangciso
sethu urhulumente ukuze abone indlela esiza kubakhusela ngayo abadlali
nabaqeqeshi. Amaqela weqakamba ngokwezigaba akuzo, aza kuxelelwa ixesha
lokubuyela emabaleni. Sele ndithethile neenkokeli zombutho wabadlali beqakamba
kwaye ndifuna ukuqinisekisa wonke umntu okokuba akukho mdlali, umqeqeshi okanye
igosa leqakamba eliza kunyanzelwa xa kukho into elingakholisekiyo yiyo,”
utshilo uFaul. Iqakamba yeminye yemidlalo eqhokreke kakhulu kwicala lezimali –
kodwa izinto ziza kuguquka njengokuba urhulumente ethe imidlalo enabantu
abangoyamaniyo ingadlalwa kule nyanga yeSilimela nangona amanani wabantu
abosulelwe yikhorona esukela amashumi amane amawaka eMzantsi Afrika.