‘Asiqiqanga isigqibo sokuvalwa kotywala’

Emva kokuvunyelwa kotywala ukuba buthengiswe, yaba yimingcelele uluntu lufolele ukuthenga utywalaumfanekiso: Doctor Ngcobo/ ANA

ABEZOSHISHINO bathi isimemelelo seNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane, sokufuna ukuba buphinde buyekiswe ukuthengiswa utywala eMpuma Koloni, “asiqiqanga” kwaye ayisosisombululo kubantu abasela gwenxa utywala.

Oku kuza emva kokuba uMabuyane evakalise inkxalabo ngabantu bephondo abanyhasha imiqathango yokuvalwa kweentshukumo elizweni (Lockdown) emva kokuthengiswa kwakhona kotywala.

Isithethi sikaMabuyane, uMvusiwekhaya Sicwetsha, sithi uMabuyane uyifake ngoMvulo kwibhunga likazwelonke imbalelwano enezizathu zokuba mabuvalwe utywala ephondweni.

“Sikwithemba lokuba iza kuphunyezwa kodwa ukuba akunjalo kuza kufuneka siqinise iinzame zokugwengula ukusetyenziswa gwenxa kotywala. Ngokusebenzisana nephulo esele liqhuba iAware.org, siza kuqinisa umyalezo wokuba abantu mabatshintshe.

“Sifuna abantu bephondo lwethu ukuba batshintshe indlela yokwenza, bayeke ukophula imiqathango yeLockdown,” utshilo uSicwetsha.

Abasemagunyeni bathi ukuthengiswa kwakhona kotywala kungazibulala iinzame zikarhulumente zokunqanda ukunwenwa kwentsholongwane yeKhorona.

Othethela iSebe lezoThutho ephondweni, * -Unathi Binqose, uthi zilishumi elinesibini izehlo zokubhubha kwabantu ephondweni kwiingozi zemoto kule mpelaveki siyishiya ngasemva.

Ukanti kwiiyure ezingamashumi amabini anesine kusuku lokuqala emva kokuba kuvulwe kwakhona ukuthengisa kotywala, ngabantu abalishumi abathe babhubha kwiingozi zemoto. UBinqose uthi utywala ngoyena nobangela wobuninzi bezi ngozi.

Imanyano yabongikazi iDenosa eMpuma Koloni, nayo ithi iyalixhasa iphulo lokuba mabuphinde buvalwe utywala.

Unobhala weDenosa eMpuma Koloni uKhaya Sodidi, uthi izehlo ezayamene notywala zibangele ingxinano kwizibhedlele ukusukela ngomhla wokuqala kweyeSilimela.

“Abasebenzi bezempilo baye baqala ukuqubisana nengxinano yabantu abangeniswe ezibhedlele ukusuka kwabahlatyiweyo, kwimilo kwanakwiingozi zeemoto. “KwiThuthuzela Care Centre yaseDora Nginza ngokomzekelo, izehlo zoxhatshazo ngezesondo zonyuke ngomyinge wamashumi alithoba ekhulwini (90%) ukusukela ngomhla wokuqala kweyeSilimela,” utshilo uSodidi.

Kodwa yena uMongameli weBlack Business Forum, uLuthando Bara, uthi makugxilwe kwiimfundiso.

“Ukuvalwa kotywala sisigqibo esingaqiqanga, xa kungekenziwa iinkqubo zokuxhasa ngemali abeshishini lotywala. Sifuna ukucebisa urhulumente ukuba aqinise unxibelelwano [ukuze] abantu baselele ezindlini futhi hayi kakhulu ze kuphinde kunyanzeliswe abantu ukuba bangaseleli kwiziqhu okanye [umntu] aqhube esele.

“Le ngcamango yokuvalwa kotywala iza kukhokelela ekuthengweni kotywala phantsi kwenkxalabo, bathenge kakhulu futhi badubele utywala ngendlela engeyiyo. Ngelishwa ukuvalwa kotywala kuza kukhulisa imarike yabantsundu futhi kusilele ekuzeni nezi ziphumo zinqwenelwayo,” utshilo uBara.

UMabuyane uthi injongo ephambili kakhulu karhulumente kukukhusela ubomi babantu. “Ukukhusela ubomi babantu kubaluleke ukodlula intengiso yotywala.”