Imbaleki yaseCala iyophekwa eMelika

USilusapho Dingiswayo ufumene ithuba lokuqeqeshwa nokufunda eMelika. Umfanekiso: Uthunyelwe.

Nangani ikhorona ikhe yazimisa ngxi izinto ezininzi emazweni ehlabathi lonke, kodwa zibuyela kwimo yesiqhelo kancinane.

Omnye wabantu abathe baphazamiseka nguSilusapho Diniswayo oza kuntingela kwelaseMelika – apho afumene khona ithuba lokufunda khona nokuqaqambisa ikhondo lakhe lokubaleka.

UDingiswayo, 21, yimbaleki ezalelwe eCala, eMpuma Koloni, esaze ngobuso ezweni ethe yazuza ithuba lokufumana imfundo enomsila kwiziko lemfundo ephakamileyo ekuthiwa yiClark Atlanta University.

Njengabaninzi, ekuqaleni kwakhe uDingiswayo, ukubaleka yaba yinto ayenza nje eseneminyaka elishumi. Kodwa phakathi kuka2009 no2018 uye wakhula njengembaleki wade wazibona ethathwa yiTuks Sport High School esePitoli – apho waswabuluka khona njengembaleki.

Phantsi kwegama lakhe, uSilusapho sele ezibonakalise okokuba uyimbaleki enekamva eliqaqambileyo kwaye uqokelele intaphane yeembasa apho. Into ephantse yamphazamisa kodwa ibe kukonzakala okumhlasele ekupheleni konyaka ka2019.

“Lo nyaka ube mbi kakhulu kum. Bendikhe ndonzakala ekupheleni kuka2019 kodwa kwangcono ekuqaleni kwalo unyaka. Yandidakumbisa into yokonzakala kodwa ndiye ndakwazi ukuzivuthulula. Okwenzekileyo kundifundisile okokuba ubomi abusoloko bulula. Kuye kwanyanzeleka okokuba ndomelele ngoba bekungekho mntu oyikhathaleleyo into endehleleyo xeshikweni ndonzakele. Ndonwabe kakhulu njengokuba ndifumene ithuba lokufunda eMelika,” utshilo uDingiswayo, othi uya phesheya kuba efuna ukuziphuhlisa nokuphakamisa igama loMzantsi Afrika.

“Ndiya kwiYunivesithi yaseAtlanta. Andiyeli ukubaleka kuphela eMelika; ndifuna nemfundo esemgangathweni ophezulu. Kwicandelo lezeembaleki, iMelika ineendawo zoqeqesho eziphucukileyo kakhulu. Yonke le nto ndiyenzela ilizwe lam, iCala neChris Hani. Ndifuna ukuba ngumzekelo kwabanye abantwana okanye indlela yam ibe yinkuthazo kubo,” utshilo uDingiswayo othe iitshomi zimjonga ngenye indlela kuba zicinga ukuba uphakamile.

Le ndedeba yaseMpuma Koloni iza kwenza izifundo zendalo okanye ezemfundo kwiyunivesithi yaseMelika, kwaye ngokufunda kwayo esikolweni esingaphandle eMzantsi, inethemba lokwandisa amathuba wokufumana umsebenzi ongcono ngenye imini.