Amahla ndenyuka ‘kowasweleka’ ngo2009

USiphokazi Gotyana waseBhayi onesazisi esithi wabhubha ngo2009

USiphokazi Gotyana (39) waseJoe Slovo eBhayi kunyanzeleke ukuba ayonyangwa ngoogqirha ngenxa yodandatheko emphefumlweni emva kokufumanisa ukuba isazisi sakhe sithi wasweleka kwiminyaka engaphaya kweshumi eyadlulayo.

“Bekungonyaka ophelileyo ngenyanga yeNkanga, ndiza kuyokukhupha imali yabantwana (igranti). Ndaya ngesiqhelo eposini. Xa ndifika imali ayaphuma. KwakungoLwesihlanu ezintsukwini, ndagoduka kuba ndiqonda ukuba ndiza kubuyela eposini ngoMvulo. Ndaya ngoMvulo, yaphinda ayaphuma. Ndachazela igosa laseposini ukuba imali yam ayiphumi, lathi mandilinike isazisi sam, ndalinika,” kutsho uGotyana.

“Eli gosa lathi kum, imali ayikhange ifakwe ngabakwaSASSA, wandiyalela ukuba mandiye kwaSASSA. Xa ndifika kwaSASSA igosa landiyalela ukuba ndiye kwiSebe lezaseKhaya, lisithi ikhona ingxaki kwisazisi sam.”

UGotyana, ongumama wabantwana ababini abagqibele ukufumana imali yabo yesibonelelo sikarhulumente kweyeNkanga nyakenye, uthi akufika kwiSebe lezaseKhaya eTinarha, igosa laphaya lathi kuye isazisi sakhe sibonisa ukuba uswelekile.

“Amagosa aseTinarha, andicela ukuba ndiyofumanisa unobangela wokubhubha kwam kwiiofisi zeSebe lezaseKhaya eBhayi. Ndaya eBhayi, amagosa athi aza kujonga unobangela kwiofisi kazwelonke, ndahlala inyanga yeNkanga yonke ndilindile.

“Ndabona ukuba mandiyojonga kweyoMqungu, xa ndifika bathi basalinde iofisi kazwelonke ayikaphenduli, ndaya kweyoMdumba libali elinye, ndaya kweyoKwindla libali elinye,” utshilo uGotyana

UGotyana ubhenele kubaphandi babucala, iAdvisory Centre and Forensic Investigators yaseBhayi. “Kuba ndibonile ukuba ndakuhamba kuphele isihlangu. Nakwindawo ebendisebenza kuyo kuvela le nto yokuba ndiswelekile.”

Ngokweenkcukacha ezibonwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa, uGotyana ubhubhe kweyeNkanga ngo2009. Umnqa ngowokuba uqale ukufumana isibonelelo semali yabantwana sakwaSASSA ngo2010 kwaye zange kubekho ngxaki ngesazisi sakhe. Ngonyaka ka2018 uGotyana uthi wayokutshintsha isazisi sakhe kuba sisidala eso sencwadi, wafumana esekhadi kwaye uthi zange kubonwe ndonakele.

Uthi akonelisekanga yindlela amagosa eSebe lezaseKhaya athe ayisingatha ngayo inyewe yakhe. Uthi kunyanzeleke ukuba adibane nogqirha ngenxa yokudandatheka ngokwengqondo. UGotyana uthi ufuna iSebe lezaseKhaya limhlawule ngento eliyenze kwisazisi sakhe, kuquka nenkxwaleko yokwehla esenyuka efuna uncedo kwingxaki engadalwanga nguye.

Isebe lezaseKhaya eMpuma Koloni, ngokomlomo kaGcinile Mabulu ongumanejala wephondo, licele ukuthunyelelwa iinkcukacha zikaGotyana ukuze liphande isizekabani solibaziseko ekusonjululweni kwengxaki yale nkosikazi. UMabulu uthi yinto engamkelekanga le yenzeke kuGotyana, watsho esithi umnqweno wabo kukuba bafikelele kwiingcambu ezingunobangela wayo.