Yenza imali iKhorona

Eyona dolophu inkulu kuMasipala weSithili saseChris Hani iKomani, ibonakala ixakene nento ngenxa yokonyuka kwabantu abakhangela amachiza ohlukeneyo okuzikhusela kwisifo sekhorona.

Sisithethe esidala kwidolophu yakuKomani ukuba ngeli xesha enyakeni uluntu lukhangele indibanisela yamayeza okulwa nengqele kuba ilixesha lokwehla kwamaqondo ngokumangalisayo.

Ukwehla kwala maqondo kunyusa amanani wabantu abagula ngumkhuhlane kule dolophu nakwiidolophana ezingqongileyo namaphandle azo.

Unyaka ka2020 ngunyaka owahlukileyo kwesi sithethe sakudala sakuKomani ngenxa yentlekele yesifo sekhorona. Iivenkile zamayeza eziphambili apha ziquka iBolzes kunye neMagers, kuze kubekho nezo ziphantsi kwevenkile zokutya eziquka uMedi-rite, Alpha Pharmacy, uDischem nezinye. Sihlabe imehlo kwezi venkile sikhangela amanani abantu abakhangela amachiza okuzikhusela kwikhorona, sikwakhangela nobungakanani bamayeza ezivenkileni.

Xa uyibeka ngamazwi avakalayo, ungathi aphelile amachiza kwezi venkile, kuba abantu bajikwa kusithwa liseza kufika iyeza alifunayo umthengi.

Okungaqhelekanga kukuba ngenxa yokunqongophala kwamachiza kwezi venkile, abantu bashiya ezi zinkulu zifana neKomani besiya kukhangela amachiza kwezincinci ezifana neCacadu ngenxa yokungafumaneki kwawo.

Omnye wooGqirha esithe sancokola naye uthi ngokuba bawathenga kwiindawo abe bengaqhelanga kuwathenga kuzo amayeza, zikude kwaye namaxabiso atshintshe kakhulu. Indibanisela yomxube weBorsdruppels, Peppermentdruppels, Turlington, ubusi, ilamuni, galika, jinja nezinye zenza imali ngokumandla ngeli xesha.

Ezi mveliso zizonke zifika kumakhulu amahlanu eerandi xa uzithenga kuba ziyawenza umsebenzi wazo. Nokuba ngubani ke umnikazi wala machiza namanye esingawabizanga apha, uyayenza imali ngeli xesha lokukhula kwalo mkhuhlane wekhorona.

Oku kuhambelana nezimvo zethu zangaphambili ezazisithi kungenzeka ukuba lukho unyawo lwemfene kwindlela eziqala ngayo izifo, nokuba ziyenziwa okanye ziyazenzekela, kodwa ukhona oxhamlayo ngazo. Enye indlela entsha engxamileyo yokwenza imali ngekhorona, ngamaziko okuvavanya uluntu angxamele ukukhula.

Xa besijikeleza edolophini yakuKomani, la maziko ngamanye enza imali entle ngenxa yesifo sekhorona. Ukuvavanya umntu ngamakhulu asibhozo eerandi kwenye yezi ndawo, logama enye esandula kuvula ivavanya ngemali ekumakhulu asixhenxe namashumi amahlanu eerandi.

Kwiindawo zooGqirha ezintathu esithe sazityelela, ngabantu abadala abaninzi abagulayo, abathi bathunyelwe nguGqirha ukuba baye kwenza uvavanyo oluza kubenza ukuba bahlawule esi sizumbulu semali.

Kumele ukuba abeke iliso urhulumente kwindlela ezixabisa ngayo ezi mveliso zokulwa nekhorona, aphinde abeke iliso ixabiso lokuvavanywa kwabantu, kuba zifuneka ngamandla ngoku iiinkonzo zokuvavanywa kwabantu.Yenza imali ikhorona, inokuba bonwabile abanikazi bayo!