Bazishicilele ifilimu ngeLockdown

Iqela labadlali befilimu ethi The Ground Under IMIFANEKISO: ITHUNYELWE

Usapho lakwaStuckman luziintlaba zahlukane kwaye kuthe kwakubhubha abantu balapha abadala, inkulu yomzi uMike yabona ilithuba lokuba ingcibe imihlambi eyalanayo.

Umbuzo ngowokuba ke ezi nzame zokwenza ubunye kusapho zakuphumelela kusini nanjengoko uMike evelelwa ngamabibi anokubeka umtshato wakhe noJessica emngciphekweni.

Futhi ingaba yintoni le iqulathwe kumyolelo katata kaMike, neyenza ubani othuke emva kokuba idizwe ligqwetha lomfi.

Abathengisi bemidlalo yeqonga baqhele ukuthi “konke kuza kuvela kungekudala”.

Konke oku kuqulathwe kwifilimu ethi The Ground Under, eyenziwe phantsi kwesisekezelo sobuqhula, nebhalwe nguLukhanyo Bele waseMdantsane, nosele eneminyaka elishumi ehlala eAustria, apho asebenza khona njengomlingisi kwimidlalo yeqonga.

Le filimu, ekulindeleke ukuba ibe kanti iyabukelwa kweyeDwarha, yenziwe ngexesha lokuvalwa kweentshukumo ehlabathini (lockdown).

Bekungekho qela lifotayo kule filimu. Abadlali bazishicilele ngokwabo into ayenza uBele abengumdaka wokuqala ukwenza oko. Kwankqu nale filimu ingayeyokuqala ukuveliswa ngolu hlobo.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa eseAustria, uBele uthe: “Siye sadibana kuZoom, apho abadlali bebeye bamamele khona imiyalelo ngethuba bezishicilela kwiimfonomfono zabo. Mna nomhleli uStephen besiye sithathe ezona ndawo zishicileleke ngcono emva kokukhetha.”

Le filimu iqale emva kwenyathelo likaTim Greene owakhweba abadlali kuFacebook ngexesha leLockdown eMzantsi Afrika ze wafumana ngaphaya kwezicelo ezingamakhulu amabini.

Abadlali bale filimu balishumi. UBele uthi okwangoku isephantsi kokuhlelwa.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za