Lilele ubuthongo igqala lomsasazi kanomathotholo

Umsasazi kanomathotholo ongasekhoyo uBob Mabena

IGQALA lomsasazi kanomathotholo nomabonakude, uBob Mabena, 51, ubhubhe ngenxa yokumelwa yintliziyo, le ngxelo ikhutshwe yiPower 98.7.

“Kulusizi kwaye kubuhlungu ukuvakalisa ukuba umsasazi weBhrakfesi kwiPOWER 98.7 uBob Mabena usishiyile emva kwemini, uMvulo, 10 August 2020, emva kokuhlaselwa yintliziyo.” 

“Usapho lusazama ukuziqhelanisa nokuhamba kwakhe kwaye lucela uluntu lulunike ithuba. 

” Iinkcukacha ezithe vetshe zakubhengezwa ethubeni, ” kubhala iPower FM. 

UMabena ebesasaza inkqubo yeBhrakfesi kunye noFaith Mangope kwesi sikhululo . 

Ngaphambili, uMabena ebekade esenza inkqubo noThabo Mdluli kwiPower 98.7.

Eli gqala lomsasazi lisasaze koonomathotholo abaliqela abafana neBop, iKaya kwakunye neMetro FM. 

Usasazo lwakhe lweminyaka engama31 liquka iinkqubo zikamabonakude iStudio Mix nePick A Tune. 

NgeyeSilimela, uMabena wabhala kuTwitter exhelekile emva kokuba ephulukene nomakhulu wakhe ngenxa yentsholongwane yeKhorona, athi wayifumana esibhedlele ngethuba eyokuzinyangela ulosuleleko lwemiphunga.


UMabena ebekwayimvumi eyaphumelela imbasa yeSAMA ngo1997.

Kwinyanga ephelileyo ngethuba ebhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa ukhuphe icwecwe elineengoma ezili-12 elibizwa Jammer House Volume 1.