UZuma ungxengxeze ngesigqebhezana kuHanekom

OBESAKUBA nguMongameli uJacob Zuma wenze isingxengxezo esifinyeziweyo kobesakuba nguMphathiswa uDerek Hanekom, nasipapashe kuTwitter wakhe ngeCawe. 
Kwesi singxengxezo, uZuma uxolise malunga nombhalo kaTwitter awawenza nyakenye apho wathi uHanekom wayengungcothoza owaziwayo ngexesha lengcinezelo. 
INkundla ePhakamileyo yaseThekwini yayayela uZuma ukuba awucime kuTwitter lo mbhalo futhi axolise. Noxa nje uZuma ebebhene kwinkundla yoMgaqosiseko malunga nesigwebo senkundla yaseThekwini, isibheno sakhe sikhatyiwe.
Ebhala ngesiZulu ngeCawe uZuma uthe: “UMnumzane Hanekom wabhala lo myalezo olandelayo ecela izinkantolo ukuthi zingiphoqe uķuwusho njengoba ewubhalile. Ivumile ke Inkantolo Yomthetho Sisekelo yathi mangiwusho. Ngiyawusho ke njengoba unjalo: 

‘On 25 July 2019, I published a tweet which alleges that Derek Hanekom is a known enemy agent. I unconditionally withdraw this allegation and apologise for making it as it is false.’ [Ngomhla wama-25 kweyeKhala 2019, ndapapasha (kuTwitter) umbhalo orhanela ukuba uDerek Hanekom ngungcothoza owaziwayo. Ngokungazenzisiyo ndiyasihlehlisa esi sityholo kwaye ndiyaxolisa ngokusenza kuba asiyonyani.’]
 “Ngiyethemba ngiwusho ngesifiso sakhe (Hanekom) nesiqondiso senkantolo,” kubhale uZuma. 
UHanekom uphendule kwisingxengxezo sikaZuma kuTwitter esithi uyasamkela, kodwa watsho ukuba into eseleleyo  ngumdliwo weR500 000 wokujongela phantsi isithunzi somntu athi usawufuna.