Likhuphe ingoma ibandla laseMthatha

UVuyolwethu Mathumbu, uNjabulo Cwele noZintle Mhawu beLife Harvest Ministries Worshipers

IQELA lomculo kwibandla laseMthatha, iLast Hour Harvest Ministries WORSHIPERS likhuphe ingoma entsha.

Le ngoma, ethi ‘Singamcim’ umoyoyingcwele’ yingoma yokuqala ekhutshwe leli qela.

UMfundisi wale nkonzo, okwangumvelisi weli qela, uPastor Talita Kambi, uthi eli qela lomculo belihleli likhona kule nkonzo, kodwa lingashicileli mculo.

UPastor Kambi uthi le ngoma yeyokuqala kwaye itshayelela icwecwe elipheleleyo.

Uthi bafuna ukuphuhlisa italente yabantwana benkonzo yabo ngokuseka eli qela.

“Sibone italente kwaba bantwana, saze sakhetha ukuziphuhlisela silibandla,” kutsho uKambi encokolela I’solezwe lesiXhosa.

UKambi uthi ibandla labo lifele zizakhono kulutsha.

“Ininzi kakhulu italente kwibandla lethu, abanye ziimvumi, abadlali beqonga kwakunye neemodeli.

Ngoko sikhethe ukubaphuhlisa ngoku besephantsi kweliso lethu ukuze sibabonis’ indlela yokufezekisa amaphupha abo,” kutsho uPastor Kambi.

“Le ngoma siyikhuphileyo ilungiselela icwecwe lethu elipheleleyo eliza kuphuma kungekudala.”

Le ngoma iyafumaneka kwiivenkile zeintanethi.

“Abantu mabazithengele le ngoma ukuze basikeleleke,” utshilo uKambi.