UHlompho Kekana uthi iSundowns iqhelene nemidlalo emikhulu

Hlompho Kekana of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2019/20 football match between Sundowns and Chippa at Loftus Stadium, Pretoria on 15 February 2020 ©Gavin Barker/BackpagePix

UKapteni
weMamelodi Sundowns, uHlompho Kekana, unethemba lokuba iqela lakhe liza kuqhuba
kakuhle xa lidibana neKaizer Chiefs emalanga namhlanje. Iintshatsheli zePSL
ezikhuselayo ziza kuxikixana neChiefs kowona mdlalo ojongwe ngamehlo abomvu
ngabalandeli bebhola ekhatywayo kuba iziphumo zawo zinokutyhila indlela yeqela
eliza kuphakamisa indebe ekupheleni kwesizini. AmaSandawana anethuba elihle
lokuqokelela iindebe ezintathu kule sizini – kodwa kufuneka abethe Amakhosi
ahleli phezulu kwiPSL ukuze yenzeke lo nto. Amakhwenkwe kaPitso Mosimane
akaqhubanga kakuhle emidlalweni eliqela – kodwa ukubetha kwawo iGolden Arrows
ngorhatya lwangoMvulo kule veki kuwanike ithemba lokufumana iChiefs ephambili
ngamanqaku amathathu qha. UKekana unethemba lokuba iqela lakhe liza kuphumelela
kwaye uthi akukho mfuneko yokuba abantu baxhalabe. Sesiyazi imidlalo elolu
hlobo kwaye siyiqonda ngokupheleleyo into esijongene nayo ngoba siliqela elingoyikiyo
ukulwela into eliyifunayo. Siqhelene nezinto ezinje,” utshilo uKekana.

“Sikuqonda
ngokupheleleyo ukubaluleka kokujongana nomdlalo ngamnye ngexesha. Ngoku kufike
ixesha lokuba sijongane neChiefs. Kunyanzelekile siwenze umsebenzi ukuze
sikwazi ukuphumelela umdlalo. Ndicinga ukuba ufike siwulungele umdlalo emva
kokubetha iGolden Arrows kutshanje. Ndiyakholwa ukuba sinalo ithuba lokuqhuba
kakuhle,” utshilo uKekana kwikhasi lomnatha leSundowns. Emva kokungaphumeleli
imidlalo emine phambi kokudibana ne-Arrows, ngoku iSundowns kunyanzelekile
iyiphumelele yonke elandelayo ukuba ifuna ukuyikhusela indebe yayo. Ukudlala
neChiefs elwela ukuhlala kwindawo yokuqala ngeke ibe yinto elula kwiSundowns.
Kodwa nangona kunjalo, ingazifumana iziphumo ezincumisayo emdlalweni wanamhlanje
ngoba iChiefs iyagqwidiza nayo futhi iza kudlala ngaphandle kweziqwayi zayo
ezifana noSamir Nurkovic noLeonardo Castro owonzakeleyo.