Iqela
lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni elidlala kwiPSL, iChippa United, lifuna
ukuyinikela umva idolophi yaseBhayi emva kweminyaka emithandathu yonke. Oku
kungqinwe yiChippa kwingxelo ebhaliweyo ekutshwe izolo kumakhosi onxibelelwano
emva kwengxelo ephume kwiphephandaba lemihlangemihla. UMnu. Siviwe Mpengesi,
ekhokela iqela lakhe, wagaleleka eBhayi ngonyaka ka-2014 esuka eKapa kwiphondo
laseNtshona Koloni. Ekufikeni kwayo iChippa, yamkelwa ngumasipala ombaxa
iNelson Mandela Bay Metro – enesivumelwano naye seminyaka esibhozo yonke. Emva
kwengxelo ethe iChippa ifuna ukuya eMonti phantsi komasipala waseBuffalo City
Metro, izolo abaphathi bayo baye bakhupha ingxelo ecacisa isicwangciso sabo. “IChippa
United ifuna ukucacisa ingxelo emalunga nokufudukela kwayo eMonti. Wonke umntu
uyazi okokuba iNelson Mandela Bay Stadium iye yenziwa isibhedlele sokugcina
abantu abanekhorona ukusukela eKwindla kulo nyaka ingazange yaziswe,” itshilo
ingxelo yeChippa.
“Isigqibo
sokusetyenziswa kweNelson Mandela Bay Stadium ngurhulumente kuye kwawenza nzima
kakhulu amalungiselelo wethu wemidlalo yePSL njengokuba ibikhe yanqunyanyiswa.
Lo nto iye yasisokolisa njengokuba bekufuneka amalungiselelo wethu ehambelane
ngqo nemiqathango yempilo ebibekwe ngurhulumente. Iqela ngalinye kufuneka libe
namabala amabini eliwabhalisa kwiPSL phambi kokuqala kwesizini ka-2020/21.
Abaphathi beqela basaxoxa nabachaphazelekayo ngomba wokuya kwalo eMonti
naphakade,” itshilo ingxelo ekutshwe yiChippa izolo. Umasipala ngeke avume –
kodwa kwakucaca emva kwentlanganiso kwiveki ezayo. Ukufudukela kweChippa
kwindawo yaseMonti yinto eyakwamkelwa ngovuyo ngabalandeli bebhola ngoba yeyona
ndawo efumana kuyo inkxaso kakhulu. Kungokunje iChippa ilungiselela ukuqubisana
neStellenbosch emdlalweni we-Absa Premiership ekulindeleke ube nzima kakhulu
emalanga ngomso. Emva kokubetha iBaroka kwiveki ephelileyo – iChippa iya
emdlalweni ikhuthazekile kakhulu.
‘MayingabingooNopopi ooCeba, mabasebenze ekuhlaleni njengoko bonyulelwe oko’