Unyaka kwabulawa U-UYINENE: Lukhona utshintsho?

UNomangwane Mrwetyana nongumama kaUyinene Mrwetyana ongasekhoyo umfanekiso: Ayanda Ndamane/ANA

IInkcukachaMANANI zolwaphulomthetho zika2018/2019 zoMzantsi Afrika ziveza ukuba bafikelela ku3000 abasetyini ababulawayo. Oko kuthethe ukuba apha eMzantsi Afrika kubulawa umntu wasetyhini rhoqo ngeeyure ezintathu.

Malunga nezi nkcukacha iUyinene Mrwetyana Foundation kwimbalelwano eyikhuphileyo iyabuza ukuba ingaba ikhona into etshintshileyo emva konyaka kubulewe uUyinene? UMongameli uCyril Ramaphosa wangqina ukuba izenzo zokuxhatshazwa nokubulawa kwamanina kweli zikwizinga eliphezulu xa sijonga kwihlabathi. Emva kwesi sehlo, uRamaphosa waseka ikomiti ekhawulezileyo eza kuthi ijongane nezi ziganeko zokulwa ukuxhatshazwa kwamanina kweli. Ezi zicwangciso zaphunyezwa ePalamente ngomhla weshumi elinesibhozo kweyoMsintsi kunyaka ophelileyo.

NgoMvulo kule veki, nekuyinyanga yamakhosikazi, bekukhunjulwa usuku lokugetyengwa ngokungenalusini kwale ntwazana yaseMonti eyayisenza unyaka wayo wokuqala eUCT, Uyinene Mrhwetyana (19).

Le ntwazana yabulawa kwiPosi iClareinch, eClaremont eKapa nguLuyanda Botha (42) owayephangela kule Posi ngethuba uMrwetyana eyokulanda ipasile yakhe. Emva koko umzimba wakhe woyokunyengezwa kwithafa laseLingelethu, eKhayelitsha. Ukubulawa kukaMrwetyana kwenza isankxwe kweli, ingakumbi amanina, esithi ingalo yomthetho mayibeqatha kumatyala okuphathwa gadalala kwamanina.

UNomangwane nongumama kaUyinene Mrwetyana, ethetha okokuqala nejelo leendaba iNewsroom Afrika ngempelaveki ngokumiliselwa kweUyinene Mrwetyana Foundation, uthe akugqithi nasuku engakhange acinge ngentombi yakhe uNene.

“Endlwini sisoloko sithetha ngaye, simane sisithi ngesifundisa nangale Covid-19, izinto emasizisebenzise xa sizikhusela. Uncumo lwakhe, uthando lwakhe, iingcebiso zakhe, ndikhumbula kwanto ngaye,” utshilo uNomangwane.

Uthi enye yezinto ezimomelezileyo ngumthandazo kuba xa kunzima ebeye athethe noThixo. Uthi kwanenkxaso engummangaliso yoluntu lweli loMzantsi Afrika athe wayifumana, ibomelezile belusapho.

Ezinye zezicwangciso zeUyinene Mrwetyana Foundation kukuba ngakule Posi ekwabulawelwa kuyo uNene, ibe yindawo esisikhumbuzo kwaye eza kuthi ibe luncedo nakumanye amaxhoba eGBV. UNomangwane ukwadlulise amazwi ovelwano kusapho lukaAsithandile Zozo (19) waseDutywa obengcwatywa kwiveki ephelileyo emva kokuhlatywa abulawe ngumfana owayethandana naye ngaphambili. “Ndiyalazi eli nxeba lijongene nosapho lakwaZozo. Livele lavuselela kwanto ngoNene kum.”

UBotha wagwetywa izihlandlo ezithathu zobom ngaphakathi ejele yiNkundla ePhakamileyo yaseKapa emva kokuvuma ityala alenzileyo.

abongile.ginya@inl.co.za