Bavuthulula isikhwakhwalala seCovid-19 ngentsini

UTsepiso Nzayo oliqhula

IHLABATHI lisabhalwe inkxwaleko emva kokuthwaxwa ngamandla yiCovid-19 kwezi nyanga zidlulileyo, kwaye oku kushiye abanye bezikhoth’ amanxeba ngenxa yokushiywa zizalamane zabo, kwanesonka sabo esohluthwe emilonyeni.

Ngenxa yoku, iSinolwimi Communications kaTsepiso Nzayo ikuphathela itasi yesiqhazolo sentsini eMakhanda kule mpelaveki.

Lo mcimbi, obizwa Asikho Normal Comedy Show, licebo leli qhula lokuthoba uxinizelelo eluntwini ngokuluhlekisa.

“Abantu mabeze bazokuhleka, sidlule kokubi sililizwe,” kutsho eli qhula ngethuba lincokolela I’solezwe lesiXhosa.

“Abantu baqhele ukuthi sithi maqhula angekho [normal]. Kodwa ngenxa yekhorona neLockdown, izinto azikho [normal].

Wonke umntu akekho [normal] ngenxa yemeko ekuyiyo ngoku elizweni,” kutsho uNzayo.

Nanjengamanye amagcisa athe athwaxwa kukufika kweCovid-19 yaphazamisa ubomi boluntu, naye uNzayo uye wabetheka ngokwasepokothweni.

“Indichanile, bekungekho mali ingenayo ngenxa yokunqaba komsebenzi. Kungona ingathi izinto ziza kuba ngcono,” utsho.

“Bendixakeke zizifundo nenkampani yam iSinolwimi Communications,” kutsho uNzayo, okwangumfundi wesidanga senqanaba leeMasters eNelson Mandela University eBhayi.

UNzayo usungule iSinolwimi Communications ngeyeKhala ku2019.

Le nkampani yenza umsebenzi wokutolika, ukufundisa, ukucebisa nokubhala. “ Abantu baza kuphulaphula amabali angeLockdown kuba wonke umntu unendlela aye abone ngayo izinto, nangendlela esichatshazelwe ngayo bubomi obutsha esiqhelana nabo,” kutsho uNzayo, owakhe watyunjwa njengeBest Indigenous Comedian kwiiSATMA zonyaka ka2017.

Amanye amaqhula akhwela nawo eqongeni kule mpelaveki aquka uNgcaphephe, uFayindlala, uSqhazolo noLonwabo Xatasi.

Umcimbi ubanjelwa eOlde 65, eNew Street eMakhanda ngomso, uLwesihlanu.

Amatikiti ayi-50 kuphela kwaye lixabisa iR100 lilinye. Bathi “no mask, no laugh” into ethetha ukuba imiqathango yeCovid-19 iza kube ilandelwa.

Tsalela uTsepiso ku-073 966 1583 uzigcinele eyakho indawo.