Umngcelele wokucalulwa kweeGays!

 

Kwiminyaka emihlanu edlulileyo sele bebahlanu abantu ababulewe kwindawo yaseDuncan Village eMonti, bebulawelwa ukuba beziGay.

Lo nto yenze ukuba umbutho ojongene nokulwela amalungelo oluntu, ukuphuhlisa uluntu , kwanokulwa ukuphathwa gadalala kwabantwana namabhinqa, iMasivuke Community Development eGompo, ishukume ngokuthi ibambe umngcelele ozolileyo izolo uLwesithathu.

“Iinjongo zalo mngcelele sifuna ukufundisa uluntu lwalapha kule ngingqi ukuba iiGays ngabantu nabo, mabamkelwe kwaye kuqhelwane nabo, bangaphathwa gadalala kwaye bahlaselwe. Abazikhethelanga ukuba bazive ngolwa hlobo baziva ngalo, omnye uye akhule nayo la nto esemncinci. Amaxesha amaninzi kuye kuthwe bayenziswa yifashoni okanye kuba beqeshwe ngusathana nto ebizwa ngokubayi “satanism”. Ngokuza kwethu apha sifuna uluntu luqhelane nale meko kwaye luzifundise ukuphila nayo.”

“Sikwabongoza nabazali ekubeni babamkele abantwana babo kwaye babanike inkxaso kuba le nto iqala endlini, xa umzali engakuniki nkxaso usemngciphekweni wokuhlaselwa ngaphandle,” oku kudizwe ngoyiProject Manager uPhumeza Kwababa.

UKwababa uthi loo matyala okubulawa kwesi sihlanu awazange ahambele ndawo. Ukwadize ukuba esakutsha nje isiganeko kukudlwengula kwenkwenkwe ene14 leminyaka, idlwengulwa yindoda engumakhelwane wayo kuba wayesithi umkhupha izimbo.

Le ndoda ikhululwe ngebheyile. Kulindeleke ukuba ivele ngomhla wesithathu kuDisemba.

ULikho Witbooi (20) uthi uyazidla ngokubaGay kuba akazenzanga, unenkolo yokuba udaliwe. Uthi lo mngcelele uya kuthi uvule uluntu lwaseZiphunzana olusoloko lujongela phantsi iiGay.

“Baza kufunda nto batsho bayeke ukusicalucalula abantu. Kunzima nokuba nguwe kuba woyikisela ubom bakho, kunzima nokunxiba ooshoti kuba uyaxwaxwa, kunzima nokuphotha iinwele, siphila obentshontsho ubom.”