Umama noonyana babhale iincwadi

Akuqhelekanga noko okuqhubeka kwikhaya lakwaNjongo eLusikisiki, apho umama uNomawele Njongo (35) ebhale incwadi, oonyana uThina (15) noKwazi (13) babhala ezabo nabo.

UNomawele ngumbhali, ukwangumnikazi wenkampani yopapasho ayithiye ngoonyana bakhe ebizwa ngokuba yiKwaziThina Publishers.

“Ndiqale ukubhala ndineminyaka elishumi elinesithandathu ngengqokelela yemibongo namabali amafutshane,” kucacisa uNomawele.

Uthi uqale eneminyaka emine ukubhala emoyeni okanye ebhala ngelahle, eshiya iintanga zakhe zidlala njengabantwana.

“Andiphumi kwikhaya lababhali, ndingowokuqala ukubhala kwikhaya lam, aba bantwana balandele ekhondweni lam bona,” kucacisa uNomawele.

Xa bebebhala iincwadi zabo oonyana akakho obeyazi into ebhalwa ngomnye, utsho unina.

“UThina ubhale incwadi ethi Wars Within, uKwazi yena ubhale incwadi ethi Memoirs of a Teen, ungazibuzela kubo ke ngomsebenzi wabo,” kutsho uNomawele.

Incwadi kaNomawele ithi Arbotion by the Womb of Democracy, ushicilelo layo lokuqala lenziwe kunyaka ophelileyo.

“Isihloko seyam incwadi sithi Wars Within, ithetha ngeengxaki zempixano eqhubeka apha ngaphakathi kwethu singabantu abatsha, le mpixano iyasichaphazela njengabantu abasakhulayo abakhangela ikamva ngeendlela ezininzi,” kucacisa uThina.

Uthi ukudideka ngezigqibo zobomi, imbono, ukungazithembi, uxinzelelo zezinye zezinto ulutsha oluhlangana nazo imihla ngemihla, uthethe banzi ngazo kule ncwadi ithi Wars Within.

“Umama wam ngumama owomelele kakhulu, ndifunde kuye izinto ezininzi ezindenza lo mntu ndinguye namhlanje,” kutsho uThina.

UThina ungqinelana nengcali zababhali kwelithi ukubhala yinto ekhula kuwe ngaphakathi yondliwe ngumdla wakho kuyo de kuphume iincwadi. La makhwenkwe akwazingcanguba eziphumelele amakhuphiswano okupela ngesiNgesi kuzwelonke.

UKwazi yena ubhale incwadi ethi Memoirs of a Teen, uthi unenjongo zokuqhubeka ebhala.

“Ngokwamava wam amancinci endinawo, ndibhale le ncwadi ithi Memoirs of a Teen ngenjongo zokukhuthaza abantu abasakhulayo njengam ukuba banganikezeli ebomini,” kutsho uKwazi.

Uthi unqwenela ukusebenzisa le ncwadi ukukhuthaza oontanga bakhe ukuba bahlale besebenza nzima ukuze bakwazi ukuzalisa iminqweno yabo.

“Xa befunde le ncwadi baza kukwazi ukuqhubeka namalinge abo, besazi ukuba yonke into oyinqwenelayo iyenzeka xa uzimisele ukuyenza ngokombono wakho,” kutsho uKwazi.

Incwadi kaKwazi ethi Memoirs of a Teen idumile kakhulu kumakhasi onxibelelwano.

“Ezi ncwadi zifumaneka kwaPPI Printers eLusikisiki naseTiagos Building eKokstad, le yam yona yodwa iyafumaneka kooExclusive Books abakwizikhululo zeenqwelomoya eKapa naseRhawutini,” kutsho uNomawele

UNomawele Njongo ongumbhali noonyana bakhe uThina (15) noKwazi (13) abangababhali