URamaphosa uncome amafama kwiSona

KwiNtetho yoBume beSizwe, uMongameli weli uCyril Ramaphosa uncome, etyibela igalelo elenziwe zezolimo kwimeko yezemali eyenzakaliswe ngubhubhane wekhorona.

Xa ebethetha nesizwe, uRamaphosa uncome ngokukodwa igalelo elenziwe zimveliso zeorenji zeli kwingxowamali yesizwe ngokuba ezi mveliso zikwindawo yesibini ngokuthumela kumazwe angaphandle. Ukwaphawule ukukhula kwemveliso zeli ezithe zathunyelwa kumazwe angaphandle eziquka umbona, iwayini, amandongomane, iziqhamo kwakunye neendiza zeswekile.

“Iimeko ezintle zezulu kunyaka ka2020 nasekuqaleni kuka2021, zithetha ukuba iimeko zolimo ziza kukhula nangakumbi kweli kwixesha elizayo,” uthethe watsho uRamaphosa.

Ngaphandle kokuncoma igalelo lezolimo elincedise kuduntsuduntsu wokulwa neKhorona, ukwakhuthaze uluntu ukuba luthenge iimveliso zoMzantsi Afrika, oko kuquka neemveliso zolimo.

“Zifama ezikumawaka amahlanu namakhulu amahlanu ezithe zanikwa uluntu. Lowo ngumhlaba ongaphezu kwezigidi ezihlanu zeehektare nekuthe kwaxhamla abantu beli abangaphezu kwamakhulu amathathu amawaka,” utshilo uRamaphosa.

Ukwathembisa ngokuba urhulumente wakhe uza kuncedisa amafama asakhulayo ukuze akwazi ukungenisa iimveliso zawo kwiimalike ezinkulu kweli nakwihlabathi. Uthi baza kukhulisa amafama asakhulayo ngolwazi nezakhono ezifanelekileyo ukuze akhule aye phambili.

“Sikwajonge ukukhulisa amafama amnyama asakhulayo ukuba anyukele ngasentla ukuze athengise, esenza imali ngokulima nokufuya,” utshilo.

Ukwamemelele ukuxhaswa kweemveliso zeswekile yeli, esithi ukukhula kwayo kuxhomekeke kwinkxaso yabathengi beli.

“Ukutyikitywa kwesivumelwano sokuthengwa kweswekile yeli zinkampani zoMzantsi Afrika nesijoliswe kunyaka ka2030 kubangele uzinzo oluthe lwakhusela imisebenzi yabantu abakumashumi asibhozo anesihlanu amawaka,” utshilo uRamaphosa.

Nangona kunjalo, umbutho wamafama aseFreyistata, iFree State Agriculture, uthi awonelanga yintetho kaMongameli uCyril Ramaphosa.

Usekela Mongameli walo mbutho, uTommy Esterhuyse, uthi akathethanga ngezona zinto bebezilindele bengamafama.

“Besicinga ukuba uya kuthetha ophele ngomcimbi wobunikazi bemihlaba esikuyo esivelisa ukutya kuyo ngoku. Akathetha ngokhuseleko lwamafama abulawa yonke imihla kwiifama zoMzantsi Afrika,” kutsho uEsterhuyse.

Lo kaRamaphosa wenze iNtetho yoBume beSizwe ngomhla weshumi elinanye kule nyanga emva kokuba isizwe sithubeleze kalusizi kwisifo seKhorona.