‘Ndandililela ukukhokela iinkomo’

Uthando lokulima laqandusela esemncinci kakhulu uThembakazi Sikundla waseSigangala kuCentane – ngenxa yoku waya kufunda iNzululwazi kwezoLimo nokuFuya eFort Hare.

“Ndandililela ukukhokela iinkomo xa utata nabantakwethu belima emasimini, ndifuna ukuba ibe ndim okhokele iinkomo, ndaqala ngoko ukuthanda obu bomi bokulima,” kucacisa uThembakazi.

Ikhaya lakhe belilima ukutya okuquka umbona, amathanga nemifuno equka ikhaphetshu nesipinatshi.

“Umama ebesoloko endifuna ekhitshini esithi makuphekwe, ndibe mna ndixakeke egadini okanye emasimini, wade wandincama ke umama,” utsho uSikundla.

Emva kokuphumelela kwakhe idabi lokuba ngumkhokeli weenkomo ezilimayo, uye kufundela iNzululwazi kwezokuLima eFort Hare.

“Kwakungavunywa ekhaya ukuba ndiye kwenza izifundo zokulima kuba kusithwa ubhuti wam wenze izifundo zolimo nokufuya, kodwa ekugqibeleni ndazenza eFort Hare,” utsho uSikundla. Uthi kungeli xesha apho afunde khona ukukhokela iinkomo ngenxa yokuba encanyiwe kweminye imisebenzi yekhaya.

Emva kokuncanca ulwazi eFort Hare uqale ukuncedisa uyise ngokutyala ulwazi lwakhe kwiinzame zokulima zasekhayeni lakhe.

“Ndithe ndisakufika kwinqanaba lokwenza umsebenzi eQamata, ndancanca ulwazi kangangoko. Zindincedisile kakhulu iincwadi ebendizifunda, ulwazi lwam bendibuya ndize kulenza apha ekhaya, ndicebisa utata ngezichumiso nezinye izinto,” utsho uSikundla. Emva kokugqiba isidanga seeOnazi utyale ulwazi lwakhe kwabanye oogxa bakhe elalini yakhe.

“Sibhalise ukopolotyeni wokulima sibahlanu. Sikhulisa iinkukhu ngoku, sithenga ukutya kwazo ngokwethu, akukho luncedo silufumana kurhulumente,” ucacisa atsho.

Eli nenekazi lasemasimini lilime umbona, ikhaphetshu nespinatshi kwaye lineenjongo zokuqhubela phambili izifundo zalo kwezolimo.

“Ewe, ndineenjongo ezimbini zokwenza isidanga esingasentla kwesi ndisenzileyo. ZiMastazi ke ezo. Besele ndisiqalile isidanga seeMastazi, ndabuya ndayeka, ndikwaneenjongo zokulima ngamandla,” ngokuzingca utshilo uSikundla.