Ulimo kwihlabathi eliguqukayo

Iqondo lokufuneka kokutya kwihlabathi kulindeleke ukuba linyuke ngamashumi amathandathu ukuya kumashumi alithoba eepesenti ngo2050.

Oku kuza kubangelwa, phakathi kwezinye izinto, kukunyuka kwenani labantu ehlabathini, ekulindeleke ukuba libe likwiibhiliyoni ezilithoba ngo2050.

Ukuze ihlabathi likwazi ukumelana nale ngxaki kufuneka amafama kwihlabathi jikelele aqalise ukusebenzisa imihlaba emikhulu ukulima iimveliso zawo. Oku kwakwenza ukuba imveliso nayo ikhule, ukusetyenziswa kwetekhnoloji yokulima nokutshintshwa kwendlela zakudala zokwenza izinto, kuya kuwanceda amafama ukuba avelise ukutya okwaneleyo.

Ngo2050 ilizwekazi leAfrika lakuba linabantu abakwiibhiliyoni ezimbini, kungoko imveliso yokutya kuza kufuneka ukuba iphucuke ngaphandle kwamathandabuzo. Nangona amazwe aseAfrika enze iinzame eziliqela ukuphucula iimveliso zokutya, kuncinci kakhulu okwenzekileyo ukunyusa umyinge wokutya okukhoyo eAfrika.

Amafama amaninzi eAfrika asasebenzisa iindlela zakudala zokulima, nemihlaba yawo idinga ukondliwa, kodwa kunjalo bahlala belindele imveliso ephezulu.

Itekhnoloji sisisombululo kwiinzame zokunyusa iimveliso zolimo, kodwa kubonakala kukuncinci kakhulu okwenziwa ngamafama aseAfrika ukusebenzisa ezi ndlela zintsha. Impendulo kwingxaki zamafama aseAfrika iya kufumaneka ngokuba kuqaliswe ukusetyenziswa kwendlela zala maxesha zokulima.

Nanjengoko zivuleka iingcango zeemalike zehlabathi, abathengi kwihlabathi banomdla kakhulu kwilizwekazi laseAfrika, ngoko kumele ukuba amafama aseAfrika anyuse iikawusi.

Ukunxibelelana ngetekhnoloji kubangela ukufumaneka lula kwamafama aseAfrika, oku kubeke ngokukhawuleza inani elivakalayo lala mafama kwinqanaba lehlabathi.

Amafama amancinci nasakhulayo aseAfrika akwithuba elihle lokuba anabise umsebenzi wawo kwiimbombo zone zomhlaba ngokusebenzisa itekhnoloji.