Inyanga yothando nezolimo

Le yinyanga egqamisa amandla othando, uthando ke sisixhobo sokuvingca iintanda, isixhobo sokudibanisa ababini kusuke kudibane usapho.

Ingaba inento yokwenza nokulima le Nyanga yoThando? Abelimi badiliza, bebhokoxa uthando lwabo kwizityalo ngeli xesha lo nyaka kuba ziphumile izinto ebebezityale ekupheleni konyaka ophelileyo.

Olu thando luqale ngela xesha bekutyalwa umbona, iimbotyi, amathanga nezinye ke izityalo. Ukuphuphuma kothando kumlimi kuko okubangela ukuba axube edibanisa iimbewu zakhe ezahlukeneyo, edibanisa nezichumisi.

Uthando lusoloko lubangela ihlumelo. Umlimi ulungise le mbewu ke kwakunyaka ophelileyo, waza ngothando wayihlwayela kumhlaba awuthandayo, ehlwayela into ayithandayo. Ngenxa yothando umlimi uye wazila iintsuku ezisibhozo, ingakumbi abo batyale umbona, elinde ngothando ukuzalwa kwezo zithole zombona.

Emva kweentsuku ezisibhozo zizelwe izithole ngothando, wancuma umfama ngothando. Maxa wambi umve ethetha nazo ezi zithole ngathi uthetha nomntu okanye abantu. Ngolo thando lungangxengwanga woluse ezo zithole encame konke ezinikele, ebonisa uthando kwizithole zakhe.

Kuthe kusenjalo kwangenelela ikhula phakathi kwezithole xa ziqala ukuba namagqabi amane, ngothando umlimi uqulunqe icebo. Akubangakho limbi ke icebo ibe kukuhlangula izityalo zakhe kwelo khula ngothando.

Ehlakula umlimi, uzondelele ezingile okokuba angenzakalisi izityalo zakhe ngempazamo. Ngothando ulususe kakuhle ukhula zatsho zancuma izityalo zangxama ukukhula, zanga ziyabulela. Uthando kaloku aluthandi okwalo, aluzigwagwisi, aluzingci kodwa luthanda konke, nazo izityalo zibuyisela uthando kumlimi ngokuzala amanye amagqabi amabini atsho amathandathu.

Bambi ke sele beteketisa ngothando izikhwetyana ngenxa yokushiyana kwamaxesha ekuthe kwatyalwa ngawo. Wova umlimi ethethela egileni esithi yanga zingakhuseleka izityalo zam zikhule zizale iziqhamo, lonke elo xesha wonganyelwe luthando oluthanda konke.

Ukanti abalimi bala ntyatyambo emakhayeni nabo ngale nyanga abaphumlanga, behlangula ngothando abakuthanda kakhulu iintyatyambo zabo. Kaloku emva kwemvula iintyatyambo zihlaselwe likhula, zatsho zangcwatywa yilo mfungumfungu. Ngothando ubona umlimi wazo ejijisana nelo khula, esenziwa luthando kwizityalo zakhe, maxa wambi ecula ingoma yothando evakala okanye engavakali eyiculela kuye ngaphakathi. Uthando sisipho esikhulu, masithande izityalo zethu, kuba uthando sesinye isichumiso esingabonakaliyo esibangela ukonwaba kwizityalo.