UTshepo Motsoeneng ukhonjwe emnyango yiBizana Pondo Chiefs!

Ezingena kobu busuku zithi iqela elidala kwiGladAfrica Championship, iBizana Pondo Chiefs, limkhombe emnyango umqeqeshi walo uTshepo Motsoeneng. Ukukhululwa kukaMotsoeneng kuphenjelwe ziziphumo ezingancumisiyo ezifunyenwe yiPondo Chiefs emidlalweni emininzi ephulukene nayo kule sizini. Kwiveki ephelileyo, iPondo Chiefs ibethwe yiFree State Stars ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni weGladAfrica Championship.

Kanti phambi koko, iPondo Chiefs ibibethwe yiRoyal AM FC ngo’1-0 nangona ibikhe yathembisa ngethuba ibetha iJomo Cosmos ngo’2-1 eKing Zwelithini Stadium. Umqeqeshi uhamba iChiefs isemsileni kwiGladAfrica emva kokuqokelela ishumi elinambini kuphela lamanqaku emidlalweni elishumi elinesine. Mithathu kuphela imidlalo ephunyelelwe yiChiefs ukusukela oko yanguselwa. Iphantsi koxinizelelo kakhulu ngoku ngoba iza kuqala umjikelo wesibini wesizini ishiywa ngamamanqaku amaninzi kakhulu yiRichards Bay ehleli kwindawo yokuqala. Nangona uMotsoeneng wayisusa kwiMotsepe League – kodwa akakwazanga ukuyinceda iChiefs kwinqanaba elingasentla.