Inkonzo yokungcwaba uNoxee Maqashalala

KULINDELEKE abekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngale ntsasa umdlali kamabonakude uNoxolo ‘Noxee’ Maqashalala.

Umzimba ongasekhoyo kaMaqashalala, 44, ufunyenwe kwindlu yakhe eseHoneydew eRhawutini ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, nekukholeleka ukuba busele uneentsuku ungqengqe apho.

Inkonzo yomngcwabo yale ntandane kamabonakude, iza kuqhutyelwa ekhayeni lakhe elikwilali yaseMpoza, KwaBhaca (Mount Frere) ngale ntsasa yoLwesihlanu.

I’solezwe lesiXhosa live ukuba umzimba kaMaqashalala uza kufihlwa phambi kokuba kuqale inkonzo yomngcwabo ngentsimbi yesibhozo.

“Umzimba wakhe uza kufihlwa kwakusasa nanjengoko besele uneentsuku ngethuba efunyanwa ebhubhile,” kutsho osondeleyo kusapho.

UMaqashalala uzakhele igama kwimidlalo kamabonakude eliqela efana noTshaTsha, Intersexions, Diamond City, Rhythm City neGenerations.

Unobangela wokubhubha kwalo mdlali kamabonakude bungekavakali.

NgoLwesibini umhla wama23, kulindeleke kubanjwe inkonzo yesikhumbuzo sakhe eRhawutini.

UZuko Nodada, osebenze noMaqashalala kususela ngexesha leTshaTsha, uvule ikhasi kuWhatsapp, nalapho abadlali bakumabonakude abaziwayo bekhumbule le nzwakazi ngokwabelana ngeevidiyo zemisebenzi yayo, imifanekiso nemiyalezo.

Aba badlali baye babetha imali yomkhonto nethe yathunyelwa kwikhaya likaMaqashalala KwaBhaca ukuncedisana namalungiselelo omngcwabo.