UPutco ubuyela kuMhlobo Wenene

OWAYEKADE ebhexesha iBhrakfesi Eyondlayo Ekuseni (BEE) kuMhlobo Wenene FM, uPutco Mafani, ubuyela kwesi sikhululo emva kweminyaka abaphulaphuli bengasamvi kunomathotholo.

UMafani ubuyela kuMhlobo emva kokulahla ngo2017, emva kweengxelo zokuba uyokuba yinxalenye nesikhululo sikanomathotholo seMSG Africa, esasiza kuvulwa eMonti.

Ohlebele I’solezwe lesiXhosa uthi uMafani kwesi sihlandlo uza kuba ngumsasazi wezemidlalo.

“Uza kwenza iinkqubo zemidlalo bezisenziwa ngongasekhoyo uLloyd Sitsheke,” utshilo umthombo oxelele eli phephandaba.

Eli gqala lomsasazi liza kwenza iinkqubo zemidlalo ezifana nezoLonwabo neMidlalo ngoMgqibelo kusasa nezemidlalo ebusuku, ebezisenziwa nguLoyiso Sitsheke osweleke kunyaka ophelileyo.

“Uza kusasaza ezemidlalo nakuMasigoduke emva kwemini (inkqubo kaAmaza Ntshanga noZizo Tshwete).”

Kwakhona, I’solezwe live ukuba iinkqubo zemidlalo ngempelaveki, ebezifudula zisenziwa ngongasekhoyo uSterra Ngqezana, ngoku ziza kwenziwa nguOngeziwe Mjana.

UMjana ngumsasazi wezemidlalo kwiTruFM.

“Okwangoku akukabikho tshintsho luza kwenziwa kwezinye iinkqubo,” utshilo ohlebele I’solezwe.

Esi sibini kulindeleke siqale ukusebenza ngokusesikweni ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi (April).

I’solezwe lesiXhosa alikwazanga kufumana impendulo yeSABC ngolu tshintsho.