UZizipho ucela inkxaso yokungena kuMiss KWT

 

UZizipho Siyongwana (21) waseQonce, ozicelela inkxaso eluntwini ngokuthi lumvotele atsho akwazi ukungenela ukhuphiswano lukaMiss King William’s Town, uthi oku akakwenzeli yena siqu, wenzela abasakhulayo ekubeni abengumzekelo omhle kubo.

Zizipho Siyongwana UMFANEKISO: UTHUNYELWE

USiyongwana uthi abantwana sele bekhula bengenalo ithemba ingakumbi abo bakhulela emaphandleni ngenxa yeziganeko ngeziganeko ezibuhlungu ezenzeka ekukhuleni kwabo kule mihla. USiyongwana ungenele uMiss KWT, bengamagqiyazana angamashumi amabini anesihlanu (25) kodwa lona ukhuphiswano lufuna ishumi elinesibini (12) kuphela.

USiyongwana ukuze abe uyangena kweli nani lifunwayo uxhomekeke kuluntu ekubeni lumvotele. Abakwaziyo ukuvota ngabo bakunxibelelwano lomnatha kuphela kuba kufuneka ungene kuFacebook ukhangele igama lakhe ukhangele indawo ethi vota wakugqiba ucofe kuyo. Ukhuphiswano olu lokuvota luyavala ngoMgqibelo umhla wesithathu kuTshazimpuzi.

Olona khuphiswano laba nobuhle luza kuba ngenyanga yoMnga 2021.

USiyongwana uthi izicwangciso zakhe ujonge ukukhulisa kwanokuxhobisa abantwana abangamantombazana, hayi kuphela, nakubantwana abangamakhwenkwe. Uthi amathuba anje anqabile kubantwana abangamakhwenkwe, kusoloko kujoliswe kumantombazana kungoko nawo eza kuwabandakanya.

“Ndifuna abantwana abasakhulayo xa bejonga kum babone umzekelo. Ndikwafuna nokubabonisa ezinye iindlela ngobomi, bangajongi icala elihle kuphela, bajonge nemingeni ukuze bakwazi ukumelana nobom,” utshilo uSiyongwana.

Lo nobuhle uqhube wathi ufuna ukugcina abantwana bexakeke zizinto eziza kuthi ziphuhlise iingcinga zabo hayi ukuyabula bengenanto yakwenza.

USiyongwana wenza unyaka wakhe wesithathu kwizifundo zobuchwepheshe (IT) eWalter Sisulu University. Uqale ukungenela ukhuphiswano loonobuhle eneminyaka emithandathu (6) kuphela.