Noxolo Grootboom: ‘Isakhono sam salolwa eBethel eGcuwa’

IGQALA kufundo lweendaba zesiXhosa kumabonakude uNoxolo Grootboom, uthi omele emqaleni malunga nothando olubonakaliswe luluntu kuye, kodwa watsho esithi yena ebesenza nje umsebenzi wakhe engagxeleshanga udumo.

UGrootboom, ozalelwe eCacadu (Lady Frere) ze wakhulela eBhofolo, uthabathe umhlalaphantsi emva kokusebenza kwiSABC iminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa ngoLwesithathu, uGrootboom uthi nangona nje yayingelophupha awakhula enalo ukusebenza kumabonakude, kodwa isiphiwo anaso, sokukwazi ukubika ibali futhi aviwe xa elibika, salolwa ngethuba efunda kwisikolo samaSabatha iBethel College eGcuwa. “EBethel College sasinikwa amaqonga okuthetha phambi kwabantu. Kulapho isiphiwo sam salolwa khona,” kutsho uGrootboom.

UGrootboom ezinye zezinto awayezithetha eBethel xa enikwe iqonga ebeye akhunjuzwe ngabantu awayezithetha kubo, ngoku sele ehlala eRhawutini.

“EBethel College kwakuye kukhethwe abantu bokukhokela isikolo samaSabatha, kuthiwe ke ziiSabbath School Superintendents. Nam ke ndalinikwa elo thuba. Xa ke uyiSabbath School Superintendent, lo nto ithetha ukuba uyakhokela futhi ufundise ngexesha lesikolo seSabatha. Kulapho ke esi siphiwo sam sathi savunjululwa khona,” utshilo uGrootboom.

Noxolo Grootboom UMFANEKISO: FACEBOOK

Eli gqala langena kwiSABC njengomchwethezi (typist), waqala ukungena kwigumbi leendaba encedisa kubavelisi.

UGrootboom uthi kangangokuba ebewuthanda umsebenzi wakhe, bekuvele kube ngathi akusi ukuze ayokuphangela.

“Bendiwuthanda kakhulu lo msebenzi ndiwulangazelela, ndisenza into endiyithandayo. Nokuba ndiyagoduka, ibivele kube ngathi akusasi ukuze ndiphinde ndibuyele emsebenzini. Ndicinga ukuba kufanele kube kanti kunjalo, xa usenza into oyithandayo kubakho la nto ikutshutshumbisayo, ikunika umfutho.”

Kodwa lo makhwekhwetha uthi udumo alufumene ngethuba lokupapashwa komhlalaphantsi yinto ekunzima ukuphefumla ngayo kuba ebengasebenzeli kuduma.

“Mna bendisenza umsebenzi wam, ngendlela efanelekileyo. Yintoni le ingaka endiyenzileyo? Mna xa ndenza into andihanahanisi, ndiyenza ngokugqibeleleyo. Andiyazi ukuba ndenze ntoni ukuze ndifanelwe zezi zinto zithethwayo ngam,” kutsho uGrootboom.

Noxolo Grootboom UMFANEKISO: FACEBOOK/ SABC

Njengokuba eza kuthabatha umhlalaphantsi nje, uGrootboom uthi into ebalulekileyo kuye ngoku, kukuchitha ixesha nosapho lwakhe.

“Lo msebenzi wokuba ngunondaba, usenza sithi qelele kwiintsapho zethu. Eminye imizi ide iqhekeke ngenxa yalo msebenzi. Kodwa owam umzi useluqilima. Utata wekhaya wenze ngako konke okusemandleni ukuba apho ndisilela khona avale, abantwana bangeva ukuba ubushushu bukamama abukho ngamaxesha athile.

“Okwangoku ndifuna ukuba yinkosikazi kumyeni wam, umama kubantwana bam, ndifuna ukuba ngumakhulu kubazukulwana bam. Mhlawumbi ke emva kweenyanga ezintathu, ndingaphendula ukuba ndiza kwenza ntoni.”

IBhodi yeeLwimi zoMzantsi Afrika, iPanSALB, iliqhwabele izandla igalelo likaGrootboom kulwimi lwesiXhosa.

“Lo ngumsasazi ube saziwa nalolusebeleni kubasasazi beendaba zesiXhosa zeSABC kumabonakude, bemqangaza nokumbiza. Ube sihombisa isiXhosa asitsho sibe yokoyoko, asityebise sibe teketeke, athi ongasaziyo aziv’ evuz’ izinkcwe.

“Le nto ilulwimi ke kambe bubugcisa bomlomo. Ulwimi luzotywa luphiliswe ngobugcisa bokukwazi ukucikoza nokucivotha, nto ezo zisisiphiwo esingafundelwa ndawo. Asikho isikolo samaciko, amaciko ayazalwa ngokweenkosi,” utshilo oBambele njengeNgqonyela (CEO), yePanSALB, uXolisa Tshongolo.