Nali ithuba lokuqaqambisa isakhono sakho ngeTikTok

IQONGA lokunxibelelana ngeevidiyo, iTikTok, libhengeze ukhuphiswano lokuvumbulula izakhono elibizwa Rising Voices.

Olu khuphiswano luvuleleke kuluntu oluntsundu loMzantsi Afrika kwaye lwenziwa ngokubambisene neNational Film and Video Foundation (NFVF), i-arhente yeSebe lezobuNgcisa neNkcubeko eMzantsi Afrika.

IRising Voices linyathelo elibhekisele ekuvumbululeni izakhono neliza kuqhuba iiveki ezintandathu kwaye ligxile ekuxhaseni abasunguli abamnyama basekuhlaleni ngokuphuhlisa izakhono ngendlela yobuxhakaxhaka bokuyila imixholo. Le projekthi ijolise ekuloleni izakhono zabasunguli, ukunikeza izibonelelo, nokunikeza uluntu amathuba wokwenza wokwakha ikhono lokusungula umxholo.

Omnye wabamenyiweyo koku nguDJ Zinhle kunye nomsunguli wemixholo ngezobuxhakaxhaka, uMihlali Ndamase.

UBoniswa Sidwaba, uMlawuli wokuSebenza koMxholo weTikTok, i-Afrika, ucacisa ukuba eli phulo libalulekile ekukhuliseni umxholo ngokulinganayo nangokumelwa komxholo nokusungula uthungelwano eMzantsi Afrika. ‘‘UMzantsi Afrika yimakethi ephuphumayo zizakhono zokusungula kubasunguli abamnyama kwaye sizinikele ngokunikeza eyona nkxaso ukunceda ukulola amazwi olu luntu. Ngeli nyathelo, siyakuxhobisa ababasunguli ukuba babengompondozihlanjiwe kwi-TikTok kunye naxa sele idlule, njengokuba sinenjongo yokubanikeza ithuba lokwakha iziseko zamakhono kunye neenkqubo.’’

IRising Voices ijolise ekuqeqesheni, ukufundisa kokuxhasa abasunguli abamnyama abali-100, nabachongwe yikomiti, ukuba lisetyenziswa kanjani iqonga kwaye nokuvelisa umxholo okwizinga eliphezulu. Iyakuthi iquke iziseko zokwakha izakhono kunye noqeqeho lwezakhono ezifanelekileyo zedigital kusetyenziswa amava engcali eziphume izandla kwelishishini.

Abasunguli abachongiweyo bayakusiwa kwinkampu (Boot Camp) ukufunda ukuba umxholo wenziwa njani kwiTikTok nokuphucula izakhono zabo, ukuzakhela igama, nokwenza ukuba kubenemali kwiakhawunti zabo, kunye nokubaluleka komxholo ukulungiselela ababukeli abohlukenyeyo.

Izicelo zeprojekthi yeRising Voices zivuliwe de kube ngowe-9 April 2021, kusetyenzisa ifomu kwi-app. Umfakisicelo makagcwalise ifomu emiselweyo kunye nevidiyo yomzuzu omnye enamangqabantshintshi achaza ukuba kutheni befuna ukuba yinxalenye yenkqubo kwaye kutheni kufuneka bachongwe.

Ukuze ukwazi ukungenela, abagqatswa kufuneka ibengabasunguli abamnyama baseMzantsi Afrika, ababudala bungaphezulu kwiminyaka eli-18, nabanabalandeli abamalunga ne-10 000 nabaposte okungenani iividiyo ezili-12 kwezintsuku zingama-60 zigqithileyo.